CommunityLocalNews

Phambili ngosomashishini abasakhulayo phambili’

11 May 2023 – Yonela Mpaka

ENGCOBO

Amalungu ombutho we ANC kwi ofisi yase Ngcobo nephantsi kuka Thumeka Gaya nokwalilungu lePalamente bangenele ekuxhaseni  osomashishini abasakhulayo ingakumbi abo bathengisa ezitalatweni. Ukuxhaswa kwamashishini asakhulayo kokona kubekwe phambili ngamalungu ombutho lo navele athi bhazalala ethenga izinto kwabasomashishini .Okokuqala I ofisi le isenza eliphulo nelibavuyise kakhulu abathengisi.

Olilungu lePalamente uThumeka Gaya uthi babone ukuba benze eliphulo kuba intswela ngqesho iphezulu kwaye uthi  ababantu bathengisayo mabayazi bayabaxhasa kangangoko  kuba bayalonyusa uqoqosho lwaledolophu. “Sifuna ukuthi mabaqhube baye phambili siyabaxhasa kuba yonke into abayenzayo iphinda ibelulutho nakubantwana babo kuba bayabafundisa kwangalemali yasesitalatweni, sizive siyiboba ukuba kufanele baxhaswe kuba bakhupha ogqirha nenesi kwwangalemali bayenzayo, sifuna ukukhuthaza noba basacinga uqala amashishini ukuba mabangoyiki ukuzimela kokona kubalulekileyo nangaphezu kokujonga komnye umntu, sithi phakama mntu omnyama uzenzele, sibaphe izixhobo ezibancedisayo ukuba baye phambili,” utshilo uGaya. OCeba kwakunye namasebe karhulumente akuxhase kakhulu oku kuquka elo lezophuhliso loluntu.

Usodolophu womasipala USiyabulela Zangqa udlulise amazwi enxaso ekwathenga kakhulu naye kosomashishini esithi lento yokubaxhasa mayiqheleke umntu xa ephuma edolophini makabenalo noba i apile elinye alithengileyo. “Siyavuya xa sibona eNgcobo kutge bhazalala abantu bengajonganga kukhongozwa kodwa bezenzela ngokwabo imali, sikhuthaza nakubantu abatsha ukuba balandele ekhondweni bangoyiki kuba imisebenzi inqabile kakhulu,” utshilo uZangqa. Edolophini bekuthe bhazalala ingulowo nalowo ethenga kosomashishini basesitalatweni ukubonakalisa inxaso nengakhange ilityalwe ngumama uNozolile Toyi ozithengisela imifuno nowenze umbulelo ongazenzisiyo kubantu abathenge kuye.