Umasipala waseNtabankulu uphucula iidolophu
11 May 2023 – Anele Raziya
ENTABANKULU
USodolophu womasipala waseNtabankulu kwingingqi yaseChris Hani, uTsileng Sobuthongo uthe umasipala ukwiphulo lokugcina idolophu yabo icocekile ukuze kubelula ukurhweba abatyali zimali nabakhenkethi.
Ukutsho oku emva kokuba umasipala, iSebe elijongene nezeNdalo, ukuLoba namaHlathi, Isebe elijongene noQoqosho ephondweni, ezoKhenketho nombutho woonoteksi, iNtabankulu Taxi Association bebambisene baye baphuma iphulo bacoca idolophu yaseNtabankulu kwiveki ephelileyo.
USodolophu uSobuthongo, amalungu ebemele umbutho nooteksi eNtabankulu, amagosa ebephuma kumasebe awohlukeneyo baye bajikeleza yonke idolophu yaseNtabankulu bechochola amaphepha kwaye bejonga neendawo ezidinga ungenelelo lukarhulumente ukuze ziphucuke.
Abahlali nabo baye bancedisa ukucoca idolophu yabo ukuze ibonakale intle kuye wonke umntu otyelele kuyo.
USubothongo obemane encokola nabahlali noosomashishini ngexesha eqhuba iphulo lokucoca edolophini eNtabankulu, uye wanconywa ngomsebenzi oncomekayo abawenzayo bengumasipala ukungcina idolophu icocekile.
Umasipala waseNtabankulu uthe ufuna uhlala uqinisekisa ukuba uyayiphucula indlela ebonakala ngayo idolophu yabo kwaye neezitalato zabo zihlala zikumngangatho oncomekayo.
Kutsha nje iinkampani zabucala ziqeshiwe ngumasipala ukuba ziphuhlise indlela zaseNtabankulu ingakumbi ezo zisedolophini ukuze kubelula ukurhweba abatyali zimali.
Kwezo projekthi ziyasaqhubayo zokwenziwa kwendlela eNtabankulu nabahlali bayaxhamla kumathuba weemisebenzi evelayo.
Umbutho woonoTeksi, iNtabankulu Taxi Association uyibulela kakhulu indima edlalwa ngumasipala wabo kwaye uthe inceda abaqhubi babo batsho basebenzele kwindawo ecocekileyo kwaye noosomashishini abasakhasayo bazakuthengisa kakuhle.

