Uncategorized

‘Sifuna utshintsho kwindawo esihlala kuzo

Intatheli: Yonela Mpaka | Ngcobo

Uphehlelelwe ngokusesikweni umbutho we NYCO (Ngcobo Yethu Civic organisation) kwidolophu yase Ngcobo. Lo mbutho ngowabahlali bonke base Ngcobo abasuka kwimibutho eyahlukeneyo kodwa injongo inue ikukuphucula isimo sedolophu  nelali zayo. Usekwe lombutho emva kokuba bekubakho itoyitoyi ezininzi abahlali bekhalazela ukusiwa kwenkonzo zikarhulumente kwindawk abakuzo, indlela ulokhiwo lwebhulorho ukungqongophala kwamanzi nendlela ekwenzeka ngayo kwicala lengqesho kwi project ezithi ziphume.

Abahlali bebefudula bephantsi kombutho we SANCO nongakhange ubaqhube kakuhle kwabakho ukungaboni ngasonye kwinkokheli ebezikhokhele  emva kotyelelo lwase  Pitoli. Oyinkokheli kulombutho umtsha uyi NYCO uEsethu Mntsantsa uthi uqulukubhede obekhona phakathi kwabo ubabangele bacinge ngokutsha kuba umnqweno wabo ubumnye ngowokuba bancedakale. “Nanku umbutho bantu base Ngcobo masingeneni ngobuninzi sizophucula imeko zethu zokuhlala,” utshilo u Mntsantsa. Abahlali base Ngcobo bebephume kangangoko ukubayinxalenye yalomsitho.

Ongumntu omdala umama uLolo Nomsa welali yase Mkhanzi uthi bangena kulombutho kuba bafuna ukubona umahluko bonele kukungaboni nto yenzekayo, uthi abanakubuya ngamva ngoku bazakulwela izinto ekufanele bayazifumana. Umbutho lona uxhaswe kakhulu zinkosi zase Ngcobo kuquka nosomashishini.