CommunityLocalNews

Amashishini anikwe inkxaso eGcuwa

25 May 2023 – Anele Raziya

EMnquma

Njengokuba amashishini amancinane aye athwaxeka kanobom ngenxa yeCovid-19 kwinyanga ezidlulileyo, umasipala waseMnquma, iSebe elijongene noKhuliswa kwezoQoqosho nezoKhenketho ephondweni kunye nequmrhu elibizwa Eastern Cape Development Corporation (ECDC), bakwiphulo lokuhlangula lamashishini ukuba abuyele kwisimo sawo sangaphambili.

Kulandela emva kokuba lamasebe ebambisene noECDC ebetyelele eMnquma nalapho aye axhasa amashishini amancinane ngeematshini zokuthunga, iirhali zokuthunga kuquka namalaphu.

Umsitho ububanjelwe kwiholo yedolophu yaseGcuwa kwiveki ephelileyo kwaye ubuzinyaswe ngamagosa ebephuma kumasebe awohlukeneyo, amagosa wequmrhu lakwaECDC, usodolophu womasipala waseMnquma, uTunyiswa Manxila-Nkamisa.

Ngoomatshini abasibhozo bokuthunga impahla abaye banikwa abantu ebebemele amashishini amncinane awohlukaneyo waseMnquma.

Abamatshini bebehamba namalaphu, iizikere, iitafile zokubeka oomatshini, iirhali kuquka nezinye izinto ezisetyenziswayo ngabo bathunga impahla.

UVuyelwa Mantyi obemele isebe elijongene noKhuliswa kwezoQoqosho (DEDEAT) kwingingqi yaseAmathole, uVuyelwa Mantyi uthe ukuxhaswa kwala mashishini mancinane zinzame zika rhulumente zokugxotha ikati elele eziko kula makhaya angenanto.

UMantyi uqhube wathi namashishini ebekade etsala nzima uyathemba ukuba azokutsho avuseleleke kwaye uthe bazakuqhubeka bewanika inkxaso bengurhulumente.

Usodolophu, uManxila-Nkamisa uthe bengumasipala lixanduva labo ukuba baxhase onke amashishini asakhulayo ekuhlaleni kuquka nabo bazithengiselayo ezidolophini zaseMnquma.

Uqhube wathi kudala bexhasa iiprojekthi zokuthunga kuquka nezo zamafama kwaye basajonge phambili ukwenza njalo.

Indawo yaseMnquma inamathuba anqabileyo emisebenzi ingakumbi kwicala lolutsha lonto ibangele ukuba abantu abaninzi bazivulele amashishini wabo ngenjongo yokuziphilisa kwaye bafundise nabantwana babo.

UManxila-Nkamisa uthe kungoko kufanelekile bengumasipala baqinisekise ukuba abantu bamashishini amancinane bayayifumana inkxaso abayidingayo kurhulumente.