CommunityLocalNews

Intabankulu nophuhliso

25 May 2023 – Anele Raziya

ENtabankulu

Abahlali baseNtabankulu kwingingqi yaseChris Hani abawuvali umlomo yinkxaso abathe gqolo ukuyifumana kumasipala wabo.

Kutsha nje umasipala waseNtabankulu okhokelwa nguSodolophu, uTsileng Sobuthongo uye wakhweba abahlali kuzo zolishumi elinesibhozo (19) iiwadi ukuba bazokuthatha izithole zemifuno (vegetables), iimbewu yamazambane nemanyola ukuze bazilimele kwigadi zabo.

Oku kwenziwe ngumasipala ngokuyinxalenye yenkqubo yakhe yaminyaka le yokunceda abahlali ukuba bagxothe indlala emakhayeni wabo.

Omnye wabahlali abathe baxhamla kule nkqubo yomasipala, uSindiswa Nogula ophuma kwaWadi18 kwilali yaseZola, uthe ” ndiyonwabele kakhulu le nyhweba esiyenzelwe ngu masipala kuba ndizokwazi ukongeza kwizithole ebendihleli ndinazo kwigadi yam ekhayeni”.

UNogula uqhube wathi ukufumana kwakhe ezinye izithole zemifuno kuzakwenza kubelula kuye ukuba agxothe indlala ekhayeni lakhe.

Ngokwengxelo kamasipala, iyichaza lenkqubo yokunikezelwa ngeezithole zemifuno neembewu zamazambane njenge nenjongo zokuqinisekisa ukuba inciphisa izinga lendlala eliphezulu kwindawo yaseNtabankulu nebangelwa kukunqaba kwamathuba emisebenzi.

Umasipala waseNtabankulu uthe ngokuzilimela kwabo iigadi abahlali, lonto izakubancedisa kwinto yokuba bahlale besitya ukutya okunesondlo ngalo lonke ixesha.

Indawo yaseNtabankulu igcwele iilali kwaye ixesha elininzi usodolophu uSobuthongo  usoloko ebakhuthaza abahlali ukuba basebenze umhlaba bangahlali nje batyiwe yindlala.

Kwiveki ezimbalwa ezidlulileyo, uSobuthongo uye wabhengeza ukuba kuzakwakhiwa iKholeji ezoqeqesha ngezolimo kwaye abahlali abaninzi uthe bazakuxhamla izakhono ezahlukenyo.

Kwiminyaka edlulileyo umasipala waseNtabankulu ukhe wazibalula nangoxhasa iiprojekthi zezolimo nezokufuya izilwanyana ezifana neegusha kuba ekhuthaza uluntu kwezoshishino nokhulisa uqoqosho lwasekuhlaleni.

USobuthongo uthe umasipala uzakuthi gqolo ukunika inkxaso abahlali kwizinto abazenzayo zophuhluso ukuqinisekisa ukuba balala betyile kwaye bafezekisi namaphupha wabo kwezo shishino.