CommunityLocalNews

Kutyholwa ipolisa laseMthatha ngokukhwezela impi yaseMajola

21 May 2023 – Monwabisi Khininda

EMthatha

Ushiyeke ebambe ongezantsi umlomo uMphathiswa wamapolisa kuzwelonke uBheki Cele ngethuba exelelwa ukuba ipolisa elisebenza kwicandelo lezobuntlola eMthatha lilo elikhwezela impalalo gazi yaseMajola ePort St.Johns. Oku kudizwe kwi-Imbizo eNqileni eMajola ngoLwesihlanu esisuka kuye.Abahlali abafihlanga makhuba bengene endimeni bechaza ngezizathu zalomlo.

Le mpi ishiye amanina nabantwana belala ehlathini ngeloyikisela ubomi babo, kulandela ukutshiswa kwemizi eqabele kwi-140.Sele kubhubhe abantu abangaphaya kwamashumi amabini konzakala iqela labanye kuleminyaka mithathu idlulileyo. Umhlali uMluleki Tyelinzima uthethe wathi: “Andikhathalelanga kufa mna ndizoyithetha inyani.Umntu okhwezela impi ngamapolisa. Kukho ipolisa elisebenza kwicandelo lezobuntlola eMthatha elithenga abantu basibulale. Eli polisa liyabandakanyeka kulwebiwo lwemfuyo apha eMajola.”

UTyelinzima uqhube wenjenje: “Xa uzodutyulwa kufika amapolisa kuqala ngobusuku athathe umpu wakho.Azizuphela iintsuku ezintathu ungahlaselwanga udutyulwe ubulawe.Sibulawa ngenxa kaMasifunisane onqanda ukwebiwa kwemfuyo.” Omnye umhlali uSimon Mqubule olixhoba lokuqala ukuhlaselwa kwilali yakuGangatha uthe: “Indlu egcina imipu emapoliseni mayingabhodloki. Imipu ithathwa namhlanje kwiveki ezayo sele ibuyele kwizigebenga. Ndingomnye wabantu bokuqala ukubona udubulo lwabantwana. Siyile emapoliseni asancedakala.”

Ephendula kwizityholo zamapolisa aphembelela impi eMajola, uMphathiswa uBheki Cele uthe: “Izikhalazo ziyathathwa ziinkokheli zamapolisa.Abahlali bazosebenzisana namapolisa ukulwa lempi. Azophandwa onke amatyala okubulawa kwabantu babanjwe ababulali.”