Uncategorized

Kuphangwe amarhamente eGqeberha

Yintatheli yeKhwezi

“Eli lixesha lomgwebo”Babhalile abantu kumakhasi onxibelelwano bengqinelana ngokuba sikwixesha lesiphelo.Baphawule ngelithi icawe yindawo ehloniphekileyo.Oku kulandela ukuphangwa kwamarhamente ngoonqevu boonqalintloko abangenabuntu.Ngokwengxelo yamapolisa ngoMvulo weveki ephelileyo izijamankungwini zezijem-jem zabaphangi abahlanu zimbonzeleke kwiCawe eseGreenfields eGqeberha malunga necala emva kwentsimbi yesithandathu ngorhatya lwemivundla.

Abantu bevangeli kaThixo baphangwe iminxeba ephathwayo,nezinye izinto zexabiso ezifana neephesi,izipaji iiwoshi namajikazi yakugqiba le migulukudu yabaleka ngesithuthi sikaMfundisi.Ngokwengxelo kaKapteni Andre Beegte othethe wenjenje: “Siyangqina ukuba esi sihelegu senzekile kwaye sicela nabani na onokuncedisa abakwantsasana ukuze kufunyanwe ababenzi bobubi adibane nepolisa uLouw kulenombolo : 0715700628 okanye atsalele umnxeba ku-0860010111.