CommunityLocalNews

Oomasipala bazokuxhamla

29 June 2023 – Anele Raziya

Amathole

Ukungabikho kozinzo kwezopolitiko ebhungeni, iingxaki ebezirhangqe ukhutshwa kweethenda, ukuqokelelwa kwemali ngeniso encinane, ukusilela ukucwagcisa ngendlela efanelekiyo kwicala lenkonzo, ezo zinto zezona ezibangele umasipala waseAmathole ukuba uthwaxeke kwicala lokuhambisa iinkonzo kunyaka odlulileyo.

Oku kuthethwe nguSodolophu womasipala wesithili iAmathole, uAnele Ntsangani ngexesha esenza intetho yobume bomasipala kwiholo yoluntu eXesi ngoMvulo.

Ntsangani uthe kunyaka mali odlulileyo khange baqhube kakuhle bengumasipala ngenxa yeemiceli mngene ebebejongene nayo, kodwa kulona unyaka ka2023/24 bazimisele ukwenza ngcono kunakuqala.

“Njengokuba singene ngo2022 ebhungene, sinoxanduva lokuza nozinzo ebhungene nakumasipala ukuze kubulela ukuba kusebenzeke,” kutsho oka Ntsangani.

Uthe belibhunga kufuneka belungise zonke izinto ezibonakale zisilelela kunyaka mali odlulileyo kwaye bazakutyelela oomasipala basekuhlaleni abangaphantsi kweAmathole.

Ukuhanjiswa kwamanzi acocekileyo nogutyulwa lwelindle, ezo nkonzo uthe kufuneka baqinisekise ukuba zifikelela kubo bonke oomasipala.

Uqhube wathi bengumasipala bafuna nokurhweba abatyali zimali kodwa kofuneka kuqale kuvalwe iimingxunya kwindlela ezikomasipala logama ezinye zizokufuna uhlaziywa kwaye zilungiswe nezibane ezide zokhanyisa ebusuku.

Uphawule nangento yokugqambuka kwezitishi zelindle neemimbombo yamanzi athi bazakuyivala bengumasipala kulo nyaka mali.

UNtsangani ukwathembise ngokuba bazakusungula amaphulo wezophuhliso nazakunceda ukuba kuvuselwe iimizi mveliso eyavalwayo eGcuwa naseDimbaza.

Uphuhliso lokwakhiwa kweNdabakazi Highway Interchange, uthe kulindeleke ukuba kuqhube kulo nyaka mali ukuze abantu baxhamle kumathuba wemisebenzi.

I-Amathole izimisele nokusebenzisana namaziko ezemfundo ephakamileyo, iArhente zabucala ezifana noAspire ukuqinisekisa ukuba amashishini amancinane ayaphuhla kwaye nolutsha luyaxhamla.

Ngexesha esenza intetho yakhe yobume bomasipala, uye wathatha nethuba lokuba ahewule umkhwa wempatho gadalala ngakumanina, Gender Based Violence.

Iizindlu ezachaphezelwa zimvula kutsha eAmathole uthe zizolungiswa ngumasipala.