EducationLocalNews

Ixatyisiwe imfundo eLady Frere

20 kuCanzibe 2024 – Yonela Mpaka

Umasipala wase Malahleni phantsi kwedolophu yase Ladyfrere  ububambe usuku lokubhiyozela impumelelo eyenziwa zizikolo zase Lady Frere ne Cala ebezisenza ibanga leshumi kunyaka esimshiya ngasemva. Lo msebenzi oquka izikolo zonke eziqhube kakuhle wenzelwe kwiholo lase Cacadu. Izikolo zase Ladyfrere ebezinetitshala eziqhube  kakuhle zixhamle kwindebe.

Zititshala ezingapha kwamashumi amahlanu ezigoduke nezetifikethi kwakunye nembasa zinikezwa lisebe lezemfundo .Izikolo ezise Ladyfrere kwakunye nezo zise Cala ziyaqinisekisa ukuba imfundo yabantwana ibekwa phambili. Ongu titshala  nothe wazifumanela imbasa kwakunye nesetifikethi nosuka kwisikolo samabanga aphakamileyo iBathandwa Ndondo ulincomile kakhulu eligalelo lenziwe lisebe esithi libakhuthaza ukuba babheke phambili bakhuthale ekufundiseni abantwana.

OnguSodolophu kumasipala lona uCllr Ntombizanele Koni uwuzimasile lomsitho esithi enovuyo olukhulu xa umasipala wakhe uqhuba kakuhle. “Sithi mazenethole kuzozonke ititshala ezithe zabuya neziphumo ezihle kubafundi bebanga leshumi sikholelwa ekubeni isizwe esifundileyo sibuya nentlalakahle, ewe imicelimngeni ikhona kwizikolo zethu ukungathuthwa kwabantwana kakuhle zimoto abakhwela kuzo abanye bahamba imigama emide indlala nentsokolo ikhona kodwa kuyoyonke lonto ezizikolo zisenze sanebhongo neqhayiya, sisithi ziqhube zenze njalo nakulona unyaka  sizijongile,“ utshilo uKoni nonguSodolophu.

Abazali bebechulumancile kukubona ititshala zihlawulwa ngomsebenzi wazo omhle nezikuqhwabele izandla oku. Osuka kwindlu yowiso mthetho uMlibo Qhoboshiyane uwuzimasile lomsebenzi ekhuthaza abafundi netitshala ukuba zingayekeleli ziqhube zibheke phambili.