IZANDYONDYO ZEMVULA ZONAKALISILE E-OR TAMBO
23 EyeDwarha 2023 – Monwabisi Khininda
MPUMA KAPA
Iimvula ezimandla ezinethe kuzwelonke ziyithwaxe kanobom ingingqi ye-OR Tambo. Ukuza kuthi gaa ngoku kupapashwa eli nqaku bane abantu abasweleke ngenxa yezikhukula, kubekho nomfundi oneshumi elinesixhenxe leminyaka ubudala, ongekabonakali. Umntu wesine yindoda eneminyaka engamashumi amabini anaesithandathu ubudala yaseCoffee Bay etshayelwe zizikhukula ngelixa izama ukuwela umsinga osisikhukula.
Iingxelo ezikhutshwe nguZimkhitha Macingwana osisithethi kumasipala wesithili i-OR Tambo uthe bathathu oomasipala abachaphazelekileyo yi-KSD, iNyandeni nePort St.Johns. Izikhukula zonakalise iindlela zadiliza nemizi konakala neepali ezihambisa umbane. Kubekho nophazamiseko ekufundeni kuba abanye abafundi abakwazi ukuya esikolweni ngenxa yeebhulorho ezidilikileyo.
EMqanduli naseCoffee Bay kubekho ukudilika komhlaba okubangele ukuphazamiseka kokuhanjiswa konikezelo lwamanzi. Oku kusemva kokuba impompo yomlambo yaseMqanduli Water Treatment Works intywiliseleke eludakeni.
UMasipala wase-OR Tambo ungenelele ngokubasela amanzi abantu bezi dolophu zimbini ziphantsi komasipala waseKing Sabata Dalindyebo.
