CommunityNewsSports

Umbutho i-Amateur Boxing Federation uchonge iimbethi manqindi

07 EyoMsintsi 2023 – Intatheli: Anele Raziya

EGCUWA

Umbutho ojongene neembethi manqindi ezisakhasayo eGcuwa, iMnquma Amateur Boxing Federation uchonge iimbethi manqinqi ezingamashumi amabini anesibhozo (28) ezizakumela ingingqi yaseMnquma kwitumente yephondo ezakubanjwa nge22-25 Septemba.

Ezi mbethi manqindi zingamakhwenkwana (males) asakhulayo zichongwe kwitumente ibisindlekelwe kwiKholeji eyaziwa ngokuba yiButterworth Training College (BTC) eMnquma ngoMgqibelo.

Usihlalo walo mbutho weembethi manqindi eMnquma, uMbuyiseli Xokolo uthe kwiintwazana ezincinane ezisakhulayo (females) bakhethe iimbethe manqindi ezilithoba (9) nezizakumela uMnquma kule tumente yephondo izayo.

“Uqala ngomhla wamashumi amabini anesibini uyokuma ngomhla wamashumi amabini anesihlanu kule nyanga sizokube sisindleke itumente yephondo apha eMnquma nebizwa Eastern Cape Boxing Championship tournament,” kutsho uXokolo.

Uthe le tumente iza kuthatha iintsuku ezine iza kubanjelwa eBTC nayo kwaye kulindeleke ukuba usodolophu womasipala waseMnquma, uTunyiswa Manxila-Nkamisa abeyinxalenye yayo.

Kule itumente ibingoMgqibelo uSodolophu waseMnquma ebethumele ooceba nabasenzi ukuba babeyinxalenye yayo.

UXokolo uthe zonke iingigqi (regions) ezise Mpuma Koloni zizakuthatha ixhanxeba kule tumente kwaye iimbethi manqindi eziqhube kakuhle zisethubeni lokulwa kwitumente kazwelonke ezakubanjwa kunyaka ozayo.

Amalungu weSouth Africa Amateur Boxing Federation kuzwelonke nasephondweni kulindeleke ukuba abeyinxalenye yale tumente yephondo iza kubanjelwa eMnquma.

UXokolo uthe ngale tumente bafuna nokuqaphela inyanga yamafama namagugu wesizwe (heritage day).

Abahlali nabo bavumelekile ukuba baphumo ngobuninzi uzokuxhasa abantwana babo njengoko amaqela weembethi maqindi (boxing clubs) eMnquma ezama ukuvuselela lomdlalo kule ngingqi.