Kudutyulwe kwabulawa abantwana besikolo eMdantsane
30 EyeNkanga 2023 – 06 EyoMnga 2023 – Intatheli kaDizindaba
MONTI
Abazali base Mdantsane baphantsi konxunguphalo olukhulu emva kokudutyulwa kubulawe abantwana abathathu besikolo abafunda uGrade 12 bengabezikolo iMzomhle High School ne Buchule High School kwa NU1 kwiveki ephelileyo. Esi siganeko siye saqinisekiswa sisithethi samapolisa uColonel Priscilla Naidu nothe, “Bona abantwana abaminyaka iphakathi kweminyaka eyi 17 kunye ne 18 abathe badutyulwa. Abathathu baba bantwana badutyulwe basweleka logama omnye oyinkwenkwe ethe wabaleka emanxebanxeba emva kokuhlaselwa kwi tyotyombe besalungiselela iimviwo zokuphela konyaka.”
Lo ka Naidu uqhube wathi, “Umhlali ohlala kufuphi nalapho esi siganeko sithe senzeka khona uthe uye weva izithonga zompu zivela ngakwi ndawo apho aba bafundi bebefundela khona. Lo mhlali uthe omnye waba bafundi nothe wonzakala uthe wabalekela endlwini yakhe ecela uncedo. Kwesi siganeko umfundi omnye uthe waswelekela kwalapho logama ababini bathe baswelekela esibhedlela ngeli xesha umfundi wesine esalele esibhedlele siganeko ibiyintoni nay aye amapolisa asaphanda.
Kusenjalo kuvakala okokuba atyholwa ngesi siganeko sokudubula, uSiphelele Jako eneminyaka engama 32 uye wabanjwa waza waya kungxaka emkhumbini ka mantyi kwi nkundla yamatyala eMdantsane. Kuvakala okokuba useza kuhlala esemva kwesitshixo de kube ngumhla we 6 ku February wonyaka ozayo nalapho asajongene nezityholo zokubulala ezithathu nesinye sokuzama ukubulala. Kusenjalo umakhulu womnye umfundi othe wadutyulwa kweso siganeko nogamalakhe lingu Somila Ndayimbana nowathi waqala ukumkhulise esenee nyanga ezintandathu uyakumkhumbula umzukulwana wakhe ngobubele elunalo.
Lo makhulu uNtombintombi Siyavuma uthe, “Kungokunje asazi okokuba sizakumfihla njani umzukulwana wam obeyintandane. USoso, njengoko ebesaziwa njalo ekuhlaleni ubedla ngokuqhayisa athi yena woza andithengele indlu entle kodwa ngoku eso sithembiso sakhe sithe sanqunyulwa,” utshilo lo makhulu ekhathazekile.

