Amavolontiya aseGugulethu acoca iindawo zokulahla inkunkuma ngoSuku lukaMandela
25 EyeKhala (July) 2024 – 31 EyeKhala (July) 2024 – Sandile Phaliso
Ngcobo
“Ngoku le ndawo sele icociwe siyabulela. Siza kuyiqwalasela kwaye sithintele ukulahlwa kwenkunkuma ngokungekho mthethweni.”
Bedinwe yinkunkuma ethe saa ebumelwaneni babo, abahlali baseGugulethu basonge izandla bacoca iindawo zokulahla inkunkuma ezingekho mthethweni ngoLwesine, iMandela Day.
Inkokeli yabahlali uSithembele Ntaba uthe abantu bathathe isigqibo sokucoca kuba befuna ukutshintsha imbonakalo yale lokishi.
Eli phulo lokucoca lilandele izibongozo ezibhekiswa kwisiXeko saseKapa ukuba sincede uluntu ngokucoca.
Emva kokuba amavolontiya okucoca engene kwindlu ngendlu efundisa abahlali ngokulahlwa kwenkunkuma ngokungekho mthethweni neziphumo zako. Bafungile ukuba baza kubamba amapolisa kule ndawo kwaye bathathele ingqalelo abantu abalahlayo.
IGroundUp izimase iphulo lokucoca. Iindawo zokulahla inkunkuma zazimdaka kwaye zinuka.
Abahlali abahlala kufutshane neendawo zokulahla bakhale ngelithi abakwazi kuzivula iifestile ngenxa yevumba elibi. Lo mduli wenkunkuma uzele ziimpukane kwaye abahlali bathi abantwana babo abakwazi kudlala phandle ngenxa yobumdaka obukwiminyango yabo.
Amavolontiya athathe inxaxheba kolu coceko athi iinkampani eziqeshwe sisiXeko saseKapa azenzi ngokwaneleyo, kungoko uluntu lugqibe kwelokuba luthathele ezandleni zabo lo mba.
Abanye bathi iinkampani ezinekhontrakthi yesiXeko saseKapa ziye zayeka ukucoca kwiinyanga ezininzi ezidlulileyo ngenxa yokuba amaqumrhu ebexhwila imali kuzo.
IsiXeko saseKapa sithathe inxaxheba kweli phulo sanikezela abahlali ngeengxowa zenkunkuma.
Ilungu likaMayco loLawulo lweNkunkuma yaseziDolophini uGrant Twigg uncedise ekucoceni. Uthe uyalivuyela iphulo loluntu.
UTwigg uthe ukulahlwa kwenkunkuma ngokungekho mthethweni akuyongxaki eGugulethu kuphela, koko iKapa liphela.
UNcumisa Sopangisa, inqununu yesikolo samabanga aphantsi Intshinga eGugulethu, uthe uyalibulela iphulo lokucoca lisuse indawo yokulahla inkunkuma ekufutshane nesikolo sakhe. Abanye babafundi besi sikolo bathathe inxaxheba kucoceko.
“Indawo yokulahla inkunkuma engekho mthethweni esecaleni kwesikolo ibingumfanekiso wamehlo nomzekelo ombi ebantwaneni. Inkunkuma iyingozi kwimpilo yabo. Sizakuthabatha uxanduva lokufundisa abantwana ukuba ukulahlwa kwenkunkuma ngokungekho mthethweni yingxaki kwaye makupheliswe,” utshilo uSopangisa.
Umhlali uMasithembe Mkosi uthi kudala kuqhutywa ukulahlwa kwenkunkuma. “Ngoku le ndawo sele icociwe siyabulela. Siza kuyiqwalasela kwaye sithintele ukulahlwa kwenkunkuma ngokungekho mthethweni.”


