USodolophu womasipala waseMnquma eGcuwa uhlabe ikhwelo kumadoda ukuba akhusele amanina
30 EyeNkanga 2023 – 06 EyoMnga 2023 – Anele Raziya
GCUWA
USodolophu womasipala waseMnquma eGcuwa, uTunyiswa Manxila-Nkamisa uhlabe ikhwelo kumadoda ukuba akhusele amanina kwaye anqande abo bathe gqolo ukuwadlwengula.
Ikhwelo lakhe lilandela emva kokuba kudlwengulwe kwabulawa uNomaphelo Mzileli (22) welali yaseMahlubini eXilinxa eNgqamakhwe ngoMgqibelo kwiveki ephelileyo.
Ingxelo yamapolisa ithi uNomaphelo Mzileli ongumama womntwana omnye wafunyanwa kwindlu yangasese ekufutshane kowabo edlwenguliwe waxhaxwa ngezembe wabulawa.
Kuthiwa umenzi wesi siganeko sibi waye wabanjwa ngamapolisa wavalelwa njengoko wayesaziwa ngabahlali.
Umasipala waseMnquma ekunye noMphathiswa weSebe elijongene nokuPhuhliswa kweNtlalo yoluntu ephondweni ( department of Social development ) uBukiwe Fanta batyelele elikhaya beyokuthuthuzela kwaye bagqithisa amazwi wovelwano kusapho lakwaMzileli.
Ethetha usodolophu, uManxila-Nkamisa ngexesha bekwikhaya lakwaMzileli, uthe kwanele ukubulawa kwamanina kwaye ucela amadoda aphakame asebenzisane norhulumente ukunqanda lomkhwa wokubulawa kwamanina.
Uthe bengumasipala baphehlelele intsuku ezilishumi elinesithandathu zokuthi phantsi ngokuphathwa kwamanina gadlala kuqula nabantwana kweli.
Uqhube wathi bazakujikeleza bexhobisa uluntu ukuba iphele into yokuphathwa gadalala kwamanina emakhaya edlwengulwa kwaye ebulawa kakubi.
UMphathiswa uFanta ucele ingalo yomthetho ukuba iqinise isandla kwabo badlwengula babulale amanina.
Uthe ibuhlungu into yokugetyengwa kwamanina eMpuma Koloni kwaye abahlali funeka basebenzisane norhulumente ukunqanda lento imbi kangaka.
Ixhoba liye labakwe kwikhaya lokugqibela ngempelaveki kwilali yaseMahlubini eXilinxa eNgqamakhwe.
Ngokwengxelo kuyavakala ukuba zixhaphakile iziganeko zokubulawa kwamanina eNgqamakhwe kwaye umasipala uzimisele usebenzisana nenkonzo yesipolisa ukusiphula negcambu lomkhuba mbi.

