Crime & SafetyLocalNews

I-KSD kwiphulo lokukhusela iziseko ezingundoqo

08 kuTshazimpuzi (Apr) 2024 – Monwabisi Khininda

UNyaniso Nelani onguSodolophu womasipala iKing Sabata Dalindyebo uthi baceba ukusebenzisa oophephelana (drone) nomabonakude abagxila ndawonye (CCTV) ukuzama ukukhusela izitishi zombane kulo masipala. UNelani uthe ukonakaliswa kwezisekelo ngunobangela wokungabikho kombane isithuba eside. Oku ukuthethe kusuku lokugqibela lwentlanganiso yezophuhliso ebibanjelwe eSavoy Hotel kutsha nje.

UNelani kwinyanga ephelileyo wasigxeka kabukhali isenzo esavela kwi-cctv apho kwabonakala abantu beqhushumbisa iziko lombane. “Ukulungiswa kwezi zitishi zombane kuxabisa izigidi zerandi. Kungekudala kufuneka upasisiwe umthetho wokusebenzisa idrone neCCTV cameras ukuba kubanjwe abonakalisi,”kutsho uNelani.Uthe idrones zona zizakuhlola neendawo ezingagunyaziswanga zokulahla inkunkuma kuba ziyanda umhla nezolo.

Kuphinde kwaxoxwa nangomba wokusetyenziswa kwemigqomo yokuthutha inkunkuma endaweni yeeplastiki ezimnyama kuba zona aziphindi zisetyenziswe. Uthe umasipala uchitha imali ekuma-R2 yezigidi nangona nayo ayonelanga kuba kufuneka kuphinde kwenziwe amacebo okuxhasa ngezimali.

Elokugqibela uNelani uthe umasipala ukwiphulo lokufumana umhlaba wokungcwaba kuba ezindawo zinamangcwaba zombini zizakugcwala kungekudala kutsho kungabikho ndawo yokungcwaba eMthatha.