Crime & SafetyLocalNews

Besikrakra isikhalo kulo Anam otshiswe ngutitshala

Belunyembezana usapho lakwa Sishuba eLady Frere kwilali yaku Zingquthu emva kokuba umfundi ethe watshiswa yitshitshala. Esisiganeko sothuse wonke umntu nesishiye abantu bokuhlala abafundi kwanezinye ititshala zothukile. Umfundi u Anam Sishuba uthe walixhoba lokutshiswa ngutitshala wakhe emvisa kabuhlungu de walandulela eli.Usapho belukhala isijwili ngomntwana wabo ebese kakuhle nakwizifundo zakhe. Umfundi u Anam ebeneminyaka elishumi elinesixhenxe kodwa konke okukuhlukumezwa kuqale eneminyaka elishumi elinesithandathu. Umama ka Anam inyembezi bezigcwele inkophe engakwazi nokuzibamba xa engazuphinda ambone unyana wakhe.

Anam wenzelwe inkonzo yomngcwabo kwikhaya lakhe. Umama ka Anam uthi lento yenzeke kumntwana wakhe sokuze ayilibale imbi kakhulu, ufuna umenzi wobubi ahlale kwezimnyama izisele. Andiyazi ukuba umntwana wam ebemzonda ntoni kangaka ndixhelekile nyliziyo yam ityumkile umntwana wam de  asweleke kabuhlungu kanje, ndiyacela uncediswa kulena into ndizova ndiphelelwa ngamandla,“ utshilo umama ka Anam u Nosandile. Isebe lzemfundo lizeke mzekweni ukusabela into eyayimbi ngoluhlobo de onguMphathiswa wesebe lezeMfundo uMnu Fundile Gade wayinxalenye yolusapho ngethuba lubeka unyana walo okokugqibela“

Into embi kangaka siyayikhalimela singumntango wemfundo kuba abantwana xabesisiwa esikolweni baselwa uba bayofunda bazobazizinto ngomso ukuze baguqule impilo yamakhaya wabo le yenzekayo ngoku noko iyasithoba isidima sesikolo, sikhathazekile sixokuthi ngxe kusapho oku kwenzekileyo sizakuthathela amanyathelo angqongqo, sifuna wonke umzali xa esiya esikolweni sphole ayazi umntwana wakhe ukhuselekile, asizikhuthazi iziganeko ezikumila kunje sizakuqinisekisa ukuba le into ilungiswa ngendlela efanelekileyo,“ utshilo uFundile Gade. Amasebe karhulumente kuquka elo lezoluleko ngqondo lusondele kusapho. Umfundi Anam wenzelwe inkonzo enesidima. Umkranelwa ujongene namatyala okubulala ngokungenalusini.