Amafama ayaxhothiswa eMpuma Koloni
02 EyeDwarha (Oct) 2024Â
Anele Raziya
Amafama aseNgqamakwe eMnquma kulindeleke ukuba akhe afumane ukuphumla kwicala lokuthi gqolo ethenga amayeza emfuyo elungiselela iigusha, iibhokhwe kunye neenkomo zawo.
Kulandela emva kokuba umasipala waseMnquma eGcuwa ewathe jize ngamayeza emfuyo waphinda wawanika nokutya kweegusha.
Konke oku umasipala ukwenze ngoLwesine kwiveki ephelileyo kwiholo yelali yaseJojweni eNgqamkwe apho ebenikezela ngeShearing Shed (ishedi yemfuyo) kunye nedipping Tank kumafama.
Usodolophu waseMnquma uTunyiswa Manxila-Nkamisa, ooceba kwakunye nesebe lezolimo eMnquma, bebeyinxalenye yalo msitho wokunikezelwa kwesi sakhiwo seShearing Shed esihamba nendawo yokudiphela imfuyo.
Ethetha namafama, Manxila-Nkamisa uthe ngokwakha kwabo iShedi bafuna ukhuthaza amafama waseNgqamakwe kumsebenzi wawo oncomekayo wokuvelisa uboya begusha.
Uqhuba wathi ezinye injongo zabo kuwathuza amafama ukuba aqhubekeke ukudlala indima ebalulekiyo kwicala lokuphuhlisa uqoqosho ezilalini.
“Sinikezele ngamayeza emfuyo angaphaya kwekhulu kunye nokutya kwezilwanyana ezifana neegushu kuba sikhuthaza amafama ngomsebenzi wawo oncomekayo kwicala lokuvelisa uboy nezinye izinto,” kutsho Manxila-Nkamisa.
UMnquma uthe ujonge phambili ngokumane usebenzisana namafama kunye nesebe lezolimo uncedisa apho unokuthi ukwazi ufaka isandla khona kwaye uye wakhuthaza ulutsha ukuba nalo luziqalele iprojekthi.
Elinye lamagosa ajongene nezolimo eMnquma, uLinda Slevu obeyinxalenye yomsitho uye walibulela igalelo lomasiplala kwaye wathi lizokhuthaza amafama ukuba asebenze nangaphezulu kunokuba ebeqhelile.
Isakhiwo seShedi neseDiphu somkelwe ngezandla ezishushu ngamafama waseNgqamakhwe kwaye encoma ukuba urhulumente usekhondweni elihle kwiphulo lokuncedisana nabo bafuyileyo nabo balimayo.
Athe ayabulela nangamayeza emfuyo kwaye neegusha, ibhokhwe kunye iinkomo zawo zizakuhlala zikhuselekile ngenxa yala mayeza bawanikwe ngumasipala
Â
Â




