Anqakulwe avalelwa amapolisa amane
Amapolisa amane asebenzela icandelo lakwaPOPS azithezele olunenkume emva kokutyatyekwa izityholo zokubulala,ukuxhwila nokubetha ngeenjongo zokonzakalisa. Othethela icandelo elizimeleyo eliphanda inkohlakalo eyenziwa ngabakwantsasana i-IPID, uPhalada Shuping uthe: “La mapolisa ebephanda ityala lokubulala apho indoda ekukholeleka ukuba ibakhuthuzile, bathe bakuyifumana bayithatha bayisa kwindawo abaxelengela kuyo, nalapho bafike bayibethela ooGqirha nezicaka.”
Eli xhoba balishiye lingekho sezingqondweni kwaye lidunduluzile eziseleni. Kuthe xa kufika ixesha lokutshayisa baliyeka ixhoba elo bagoduka.Ngosuku olulandelayo umhla wesibhozo kweyoMqungu kulo nyaka,ngosokusa xa bephangela baye bayolijonga ngelishwa bafika umzimba wexhoba sele ubanda okwempumlo yenja. Khange balibazise baye babhala encwadini ngelithi ibanjwa liswelekele eziseleni.
Icandelo le-IPID liqalise uphando olukhokelele ekubanjweni kwamapolisa amane, ngomhla weshumi elinanye kule nyanga kulo umiyo. La madoda ajongene nezityholo zokubulala,ukubetha ngenjongo zokonzakalisa kwanokuxhwila.
NgoLwesihlanu wale veki la mapolisa azakuvela kwinkundla kaMantyi eNxuba (Cradock) ukuze afake isicelo sebheyile. Okwangoku i-IPID ayikalikhuphi igama lomfi khon’ukuze kuqalwe ukukhangelwa iinkcukacha ezithe vetshe malunga nelityala, awoyanyaniswa nalo lokukhuthuza abantu bomthetho.
