Sports

Iqabane Lezemidlalo KwaMpuma Koloni Liyancoma iNozulu Youth Legacy Cup Ngomsebenzi Wayo Wokukhulisa Iitalente Zabadlali Abaselula

Ngu Anele Raziya 

Owaziwayo kwezemidlalo eGcuwa nakwiMpuma Koloni iphela, uBanzi “Bro Ace” Siyongwana uncome igalelo le tumente yabaneminyaka engaphantsi kweshumi elinesixhenxe (U/17) iNozulu youth legacy cup ngokuthi gqolo inika abadlali abasakhulayo ithuba lokuba babonakalise italente zabo. 

Ebethetha kutsha nje uSiyongwana ngexesha bekusindlekwe iNozulu youth legacy cup kwiYunivesithi iWalter Sisulu eGcuwa. 

Ibingunyaka wesithathu le tumente isindlekwa kwaye ibonakalisa impawu zokhula njengokuba isindlekwa nyaka nonyaka. 

Ethetha namaqela alishumi elinesithandathu (16) ebeyinxalenye nale tumente uSiyongwana owayengumnikazi weButterworth FC eyayidlala kwiABC Motsepe league, uthe uyavuya ukubona umntu ofana noLux Matikinca esenza umsebenzi obalulekileyo wokuphuhlisa ibhola ekhatywayo eMnquma nakwindawo ezingqondileyo. 

“Njengokuba nilapha ningamaqela ngamaqela nizokudlala ibhola, nimenywe nguMhlekazi uMatikinca nguye lona ubangela sibenale tumente intle kangaka,” kutsho uSiyongwana ebhekisa kubadlali. 

Uqhube wathi injongo zetumente zezokuphuhlisa abadlali abasakhulayo kuzo kutsho kuphume abanye abantu abafana no Matikinca ababefudula bedlalela iBlackburn Rovers FC yaseGcuwa kudala kodwa ngoku sele esebenza njengo manajela kwiqela le Premier soccer league (PSL) , iSekhukhune FC. 

UBro Ace uthe igalelo lika Matikinca kunye nabantu asebenzisana nabo ukuququzelela itumente iNozulu youth legacy cup sokuze lilibaleke kwaye nabadlali abaninzi abasakhulayo bafumana namathuba wokudlala kumazwe aphesheya kolwandle ngenxa yale tumente. 

Usodolophu womasipala waseMbhashe uSamkelo Janda obezimase itumente naye, uthe ininzi into enokufundwa kule tumente ingakumbi kwicala lokuqoqosha izimilo zabantwana besakhula. 

UJanda uthe bengurhumente bawaxhasa kakhulu amaphulo ajolise kwicala lokususa ulutsha kwiziyobisi kwaye encedisa kwicala lokubumba izimilo kuzo kutsho kuphume abadlali abaqaqambileyo neenkokheli zangomso. 

Uye wathatha nethuba lokuba aqhwabele izandla umbutho webhola ekhatywayo ekuhlaleni iMnquma local football association (Mnquma LFA) neSAFA kwingingqi yeAmathole ngokuthi basebenzisane xa kusindlekwa iNozulu youth legacy cup. 

Ezinye zezinto ebaluleke ngazo le tumente iye ichonge abadlali abangamashumi amathathu (30), abo badlali baye bafumane ithuba lokujikeleza amaphondo weli bedlala nee-academies zamaqela adlala kwiPSL lonto ibeke abadlali ethubeni elihle lokuba bangabonwa ngamaqela amakhulu kweli. 

Nakulona unyaka baye bachongwa abadlali kwaye bazakufumana ithuba lokuba bajikeleze amaphondo bedlala namanye amaqela. 

NooSompempe abasakhulayo nabo baye bafumane ithuba lokuba baphathe imidlalo kule tumente ikumngangatho ophezulu kwaye abathe bangqwesa kumsebenzi wabo bayawongwa nabo xa kusongwa umsitho. 

Iqela eliye lazintshatsheli kulo nyaka ibeyiFuture Boys FC yaseDuncan Village eMonti ibetha iMnquma Hotspurs FC yaseGcuwa ngo1-0 kumdlalo wamagqibela kankqoyi. 

Yabakanti iFuture Boys FC igoduka nemali engangeTen Thousand Rand, indebe enkulu, iikiti ezimbini ezintsha kraca kunye neebhola nezinye izixhobo zokudlala ibhola. Nayo iMnquma Hotspurs FC izifumanele kumabhaso.Â