Crime & SafetyNews

Kutshiswe indoda nomfazi ngabahlali

Liqina lendoda ekumashumi amahlanu nomfazi wayo abatshe baluthuthu kwiveki esisuka kuyo, betshela kwityotyombe labo.Kutyholwa ukuba esi sibini sitshiswe ngabahlali kwilali yaseSikiti eMatatiele kwisithili iAlfred Nzo, eMpuma Kapa. Ngokwengxelo evele ngethuba amapolisa esenza uphando esi sibini besibanjwe ngamapolisa ngeCawa le sisuka kuyo. Bebevalelwe kwisikhululo samapolisa eMaluti emveni koba bekubhaqwe isidumbu sendoda ekurhaneleka ukuba ibulewe ngabo.

Abahlali baye benza isicelo emapoliseni ngelithi bangasikhululi esi sibini kungenjalo asithathe aye kusilahla kude. Le ndoda nomfazi wayo kubonwe ngabo sebegaleleka kwityotyombe labo. Kungekudala kubonwe ngeli tyotyombe seligutyungelwe ngamadangatye omlilo, aba babini batshela apho.

Aboncedo lokuqala ekuquka kubo amapolisa kunye nezicima-mlilo bafike sekukade kungekho nesipeleti abanokusihlangula.