Crime & SafetyLocalNews

Sibanjiwe isidlwengu esidlwengule intombi yeNkciyo

Ibanjwe yaphoswa ngaphaya kwezitshixo indoda etyholwa ngokudlwengula intombi-nto ekwalilungu leNkciyo kwilali yaseNcise eMthatha. Le ndoda eseluvalelweni nguMasande Lusanda Manyifolo (44) otyolwa ngokudlwengula intombazana eneshumi elinesihlanu leminyaka ubudala. UManyifolo ebevele kwinkundla kaMantyi eMthatha kwiveki ephelileyo. Ityala limiselwe iveki ezayo apho kuzakube kuqwalaselwa isicelo sakhe sebheyile.

UManyifolo ungummelwane kwixhoba. Ngokoxwebhu lwesimangalo kwinyanga kaNovemba kunyaka ophelileyo ummangalelwa wacela ixhoba kumakhulu walo ngentseni ngenjongo zokulithuma isiselo evenkileni.Lakubuya naso isiselo waliyalela ukuba lisingenise endlini. Uye walilandela walivalela wanyusa umculo walifuthanisela ngomqamelo walindlwengula.

Ngethuba evela enkundleni amanina neentombi zeNkciyo bebengxange ngaphandle kwamasango enkundla kaMantyi benyanzelisa ukuba angayinikwa ibheyile ummangalelwa. USihlalo weNkciyo  e-KSD uKhuthala Mditshane uthi basafuna ukwazi kwesi sidlwengu wayelisaphi ixhoba ngethuba elifaka emotweni emva kokulidlwengula. “Siphakuphaku sikhathazekile kukuzunywa kweentombi zeNkciyo e-KSD iintombi ezizikhethele ukuhlala zinyulo. Sothuka saphantse ukubhubha xa sifumana umnxeba kuNomehlo waseNcise esixelela eli sikizi. Wayemsaphi ngoku amfaka emotweni emva kokuthi gqolo kudlwengulwe kubulawe abantwana beNkciyo,” kutsho uMditshane.

INkosi uNosizwe Njemla uthethe wenjenje: “Zisiphatha kakubi ezi ziganeko,umntu odlwenguleyo makaphume aphele elalini. Leyo a siyicengi.Lo mdlwenhuli ubethenjwe kakhulu lusapho, sikhathazekile kakhulu.” Eli tyala lizobuyela enkundleni kwiveki ezayo apho azakube esenza isicelo sebheyile.