Crime & SafetyLocalNews

Sisiganeko  semihla ngemihla ukugetyengwa kwamanina eLusikisiki

Kuphinde kwadutyulwa kwabulawa owasetyhini eLusikisiki kwiveki esisuka kuyo. Kunyaka ophelileyo mane amanina abulewe ngokudutyulwa eLusikisiki. UZethu Mlanji udutyulwe wabulawa phambi kwabantwana bakhe ekwikhaya lakhe kwilali yakuCabekwane eLusikisiki. Ukanti ukubulawa kukaZethu kuphinde kwachukumisa amanina aseLusikisiki ingakumbi kumakhasi onxibelelwano nalapho athi abaqondi bayakuze bakhuseleke eLusikisiki kuba abenzi bobubi abafunyanwa kude kube kuyathuleka ngetyala.

UZethu Mlanji uyinxalenye yokuba sisisulu sokubulawa kwamanina eLusikisiki unyaka nonyaka nto leyo eyenza amanina akule dolophu azibone enguzimele geqe kuba ajikelwa ngamadoda awathembileyo kugqibele umthetho ongakwazi ukuwakhusela.