Luyaqhubeleka ulwakhiwo lweebhulorho eMpuma Kapa
7 March 2024 – Monwabisi Khininda
Iphulo lokwakhiwa kweebhulorho ezili-19 kwiindawo ezininzi ezisemephandleni eMpuma Kapa ngoApreli 2024, lenza inkqubela ebonakalayo. Oku kuyinxalenye yeNkqubo ye-Welisizwe, ngongenelelo lukaMongameli Ramaphosa ekwakhiweni kweebhulorho ezingaphezu kwama-50 ezakhiwa kuzwelonke.
Ngokwengxelo yesebe leZothutho kweli phondo le Mpuma Kapa zilishumi elinesithoba zizokwakhiwa kwezi zithili i-O.R Tambo, Alfred Nzo neAmathole. Eyona ndawo ichaphazeleke kakhulu yiPort St. Johns kulapho kuzokwakhiwa iibhulorho ezilishumi.
UMbashe kunye neNtabankulu bafumana iibhulorho ezintathu kwindawo nganye, logama umasipala waseWinnie Madikizela-Mandela,Ingquza Hill kunye nomasipala waseMzimvubu bafumane ibhulorho nganye.Phakathi kwezi bhulorho kukho ibhulorho ebizwa ngokuba yi “Tebetebe” nedume kakubi kumajelo eendaba, njengoko iqela lamadoda lafotwa lithwele ibhokisi liwela ibhulorho. Lo msebenzi kuvakala ukuba uzakudala amathuba emisebenzi.
Lo msebenzi wenziwe ngentsebenziswano phakathi kweSebe leSizwe leMisebenzi karhulumente neziSeko ezinguNdoqo,uMkhosi woKhuselo weSizwe waseMzantsi Afrika (i-SANDF) njenge-arente ephumezayo, kwakunye neOfisi yeNkulumbuso kunye nesebe lezoThutho le Mpuma Kapa. Oku kujoliswe ekuphuculeni ukhuseleko, intlalo-ntle kunye nokufikelela kuluntu lwasemephandleni oluhlala luzifumanisa lunqanyulwa kwihlabathi ngamaxesha eempuphuma.
Ethetha ngenkqubo yeWelisizwe kwintetho yakhe yobume bephondo kunyaka ophelileyo iNkulumbuso uOscar Mabuyane wathi: “Ukwakhiwa kweebhulorho ezilishumi elinethoba phantsi kwenkqubo iWelisizwe linyathelo lokungenelela ukuze abantu bakwazi ukushukuma kwiindawo zokuhlala. Ufikelelo olulula nolukhuselekileyo kwiznto eziluncedo ekuhlaleni kuluntu lwasemephandleni kwaye luya kuba lukhuthazo olukhuthaza ukubandakanywa koluntu lwasemephandleni kuqoqosho.”
