Business

Ukwakhiwa kweGcuwa Mall Kuletha Amathuba Emisebenzi eMnquma

Ngu Anele Raziya

Abahlali baseMnquma, oonoteksi, kunye nabathengisi zitalatweni (hawkers) bathi ukwakhiwa kweGcuwa Mall balindele kuze neziqhamo ezincumisayo kwicala lengqesho kwaye kuphuhlise uqoqosho ekuhlaleni. Intetha zabo zilandela emva kokuba oosomashishini abaphuma kwindawo ezahlukeneyo, iinkosi, amagosa womasipala waseMnquma bephethule isoyi kwindawo eyayisaziwa ngokuba kuse Bhungeni nekulapho kuza ukwakhiwa khona udederhu lweevenkile. Konke oko kwenzeke kumsitho ububanjwe ebutsheni bale nyanga nalapha iThe Fingoland Regional Authority ibimeme abahlali, abathengisi zitalatweni, imibutho yonooteksi equka uNcedo taxi association neButterworth taxi association kunye nomasipala waseMnquma. Lo mhlaba kuza ukwakhiwa kuwo usecaleni kwe robots xa ungena edolophini yaseGcuwa usuka ngaseMthatha kufutshane nakwaKey. Ngamathuba emisebenzi aqikelelwa ku1500 azakuvela xa kuqaliswa ukwakhiwa kweGcuwa Mall kwaye oosomashishini bathi batyale imali engange R350 million ukuba kwenziwe esi sakhiwo. Kwesi sikhawo sodederhu lweevenkile kulindeleke kubekhona irenki yeteksi apho zizomisa khona xa zithutha abathengi kuphinde kubekhona iindawo zokuthengisela ihawkers.

Ngokwengxelo kukwalindeleke ukuba kwakhiwe iivenkile ezingamashumi amahlanu (50) kwaye abantu abayi abaqikelwa ku950 bazakufumana imisebenzi esisingxina. Sincokola nomnye wabathengisi esitratweni, uPatrick Ntingi othengisa phambi kweholo yedolophu yaseGcuwa, uthe uyakuvuyela ukuquka kwabo xa kuqhuba uphuhliso eMnquma kwaye ucinga ukwakhiwa kweGcuwa Mall kuza kwandisa amathuba wabo wokuba benze imali ngeniso ebonakalayo xa uthelekisa kunakuqala. “Ndivuye kakhulu xa ndisiza indaba zokuba nathi sizolungiselelwa ezethu indawo zokuthengisela kule mall intsha iza kwakhiwa ngaserobots,” kutsho UNtingi. Uqhube wathi uvuyela nalento yokuba nolutsha eMnquma lizakuxhamla amathuba engqesho xa kusakhiwa naxa sele kugqityiwe ukwakhiwa kweGcuwa Mall. Umhlali waseGcuwa, uBuyiswa Mzamo uthe kuhle ubona iGcuwa iphuhliswa ukuze ifane ezinye idolophu ezinkulu.

“Ndicinga linyathelo elihle eli lokwakhiwa kwenye imall apha eGcuwa kwaye lonto izakunceda abantwana bethu ukuba bafumane imisebenzi kutsho kwehle nelizinga liphezulu lentswela ngqesho,” kutsho uMzamo. Uqhube wathi ukwakhiwa kweGcuwa Mall angavuya ukuba kunganefuthe kwicala lokurhweba nabanye abatyali zimali bazokuvula imizimveliso (factories) eyavalwayo neyayivelisa amathuba emisebenzi. Imibutho yonooteksi ithe yonwabile zindaba zokwakhiwa kwemall entsha eGcuwa kuba lonto izakurhweba nabanye abantu kwezidolophu zincinci ukuba bazothenga eMnquma kwaye lonto izakuba nika umsebenzi obonakalayo wokuthutha abathengi. IThe Fingoland Regional Authority yiyo enike igunya abatyali zimali benkampani eziquka I Luwie Properties neShenge Property Group ukuba bakhe iGcuwa Mall eMnquma kwaye kulindeleke iqalise ukwakhiwa kule nyanga izayo kumsebenzi ekulindeleke ukuba uthathe inyanga ezilishumi elinesithandathu (16 months). Umasipala waseMnquma uthe bavumelekile nabanye abatyali zimali ukuba basondele kufutshane bezokutyala imali nakwicala lemizimveliso njengoko yavalwayo.