Local

Ixhonyisiwe ilori yamayeza eGqeberha

27 April 2023 – Anele Raziya

Gqeberha

UMphathiswa weSebe lezeMpilo eMpuma Koloni, uNomakhosazana Meth, uhlabe ikhwelo kuluntu ephondweni ukuba likhusele amaziko wezeMpilo nabasebenzi bawo kootsotsi.

UMeth ukutsho oku emva kwesiganeko sakutsha nje esenzeke eGqeberha nalapho kuye kwaphangwa iloli yesebe ebihambisa amayeza ngootsotsi ebebexhobe ngeemimpu.

Ngokwengxelo yesebe ichaza ukuba ootsotsi ebebexhobe befe amacala ngeemimpu baye baxhomisa iloli ibihambisa amayeza kwiKliniki eseNU 8 eGqeberha.

Abatsotsi bane (4) kuthiwa bakhombe umqhubi ngompu emva koko bohlutha iloli (Truck) babaleka nayo ngeloxesha igcwele amayeza ngaphakathi kuyo.

Iloli leyo bekusalindeleke ukuba iyokothula amayeza kwamanye amaziko weezempilo amathathu akwalapha eGqeberha ngexesha ixhonyiswa ngootsotsi.

Kuye kwafowunelwa amapolisa nakhawuleze avala amazibuko kwiilokishi zaseGqeberha yaze iloli yafunyanwa ishiywe kwisitalato iSohobese eNU 11 kwilokishi yaseMotherwell.

UMeth usigxeke kabukhali esisenzo watsho ememelela kubahlali ukuba basebenzisane norhulumente ngokuthi bakhusele amaziko wezempilo ekuhlaleni kwaye bakhusele nabasebenzi abasenza kuwo.

Uqhube wathi ukuphangwa kwale loli ehambisa amayeza kuphazamisa ukuhanjiswa kwenkonzo lisebe.

Uthe esi siganeko silichaphaza elibi kwaye siphazamisa ukuhanjiswa kwenkonzo njengoko izigulana bezilindele amayeza.

Malunga nesi siganeko amapolisa akwazile ukuqakula avalela umrhanelwa omnye kwaye asakhangela abathathu.

UMeth ukwamkele ngezandla ezishushu ukubanjwa kwalo mrhanelwa ngamapolisa kwaye wakhuthaza abahlali ukuba basebenzisane namapolisa kuzobanjwa nabanye.

Ukwathi akwamkelekanga ukuqhekezwa kwamaziko wezempilo nokubiwa kwamayeza kuwo kuba lonto ithwaxa abo bajonge ufumana iinkonzo kula maziko.

Ngexesha kusenzeka esi siganeko khange kubekho mntu wonzakalayo kwaye abo bothukileyo baye basiwa kwinkqubo yentuthuzelo yomphefumlo.

Ukuthi gqolo kusenzeka iziganeko ezimile kunje eGqeberha, uMeth uthe kungabangele kubekho ulibaziseko xa kufuneka kusiwe amayeza kumaziko ezempilo aseNelson Mandela Bay.