Arts & CultureLocalNews

AMampondo abhulile egqireni ngokukhulelwa kosana olune 18 yeminyaka

16 kuCanzibe 2024 – Intatheli kaDizindaba

Ibonakala ide yaneziphumo intlungu ebeyambethe aMampondo ase Ntshona nalapho kuthe kwakhulelwa intwazana eneminyaka eyi 18 nebisandula kubuya kwi siko lendoni.  Ngenxa yokothuswa ngulo mhlola kwi sizwe saMampondo esixabise kakhulu isiko lendoni abakhaya lale ntwazana baye bayakubhula egqireni kuba esi sihelegu siyinto engaqhelekanga kwi sizwe saMampondo.

Kungoku nje abomzi wakwa Nyawuza baye baya kubhula egqireni eMkhankato nalapho lithe labhula igqira elaziwayo labhula ngelithi le ntwazana ayihlangananga neli shwangusha eMampondweni.

Igqirha libhulile ngethuba kucanyagushwa lachaza okokuba le mveku yehlelwe leli shwangusha ngethuba indwendwelele indawo yase Thornhill nalapho ithe yoyanywa ngezesondo.  Esi sanuse kuvakala okokuba sithe sabhula nangendlu apho le mveku ithe yehlelwa khona leli shwangusha.

Kuvakala okokuba emva koku kuye kwahlanganiswa ezinye zezihlobo neziphaya koo Khwalo eBizana kwaze kwayiwa eThornhill ndawo leyo ekuthiwa yeyaMaranuga bantu abo abangazi tu ngetlonipho ngakwabo baphuma kwi ndoni, elo ke ilisiko lokuhlolwa kwee ntombi.

Abasemfuthweni wolwazi bathe kulindeleke okokuba aba loo mzi waloo mfana othe wazimanya ngesondo nale mveku bajongwe yintlawulo yee nkomo ezilishumi.  Kuphinde kuvakale nokokuba ngokubhula kwe gqirha naloo mfana othe wenza lo mhlola mncinci kuba unamashumi mabini anomvo kuphela.