Crime & SafetyLocalNews

Amapolisa asaphica ababulali babemi bangaphandle 

29 EyeThupha (Aug) 2024 – 11 EyeMsintsi (Sept) 2024

Monwabisi Khininda

Amapolisa aseCofimvaba acela uncedo loluntu kwinzame zokusombulula amatyala amabini okubulala nelokuzama ukubulala awenzeke eCofimvaba ngoLwesibini weveki ephelileyo. Oku kuza emva kokuba abemi baseEthiopia abathathu abaphakathi kweminyaka eyi-32 ukuya kwi-35 ubudala bedutyulwe kwishishini labo kule dolophu.

Ingxelo ekhutshwe ngamapolisa idize ukuba ngamadoda amabini angene engabhungisanga kweli shishini apho afike avulela ngezulu lezandla kumadoda amathathu. Amaxhoba angeniswe esibhedlele. Isithethi samapolisa uCaptain Namhla Mdleleni uthi amaxhoba amabini anikezele ngethuba efika esibhedlele ngenxa yamanxeba okudutyulwa loogama elinye ixhoba lingeniswe esibhedlele.

Kuvulwe amatyala amabini okubulala nelokuzama ukubulala.Iimeko ezingqonge esi siganeko zisephantsi kophando lwamagosa akwantsasana. Amapolisa abongoza nabani onganenkcukacha ezingakhokhelela ekubanjweni kwabarhanelwa anxibelelane noDetective Sergeant Luleka Vuyo Ngwane kule nombolo 0788185419