Crime & SafetyLocalNews

Inesi ibanjelwe ubuqhetseba norwaphilizo 

26 EyoMsintsi (Sept) 2024 – 09 EyeDwarha (Oct) 2024

Monwabisi Khininda 

USihle Luthuli (27) nongunesi onamagxa kwisibhedlele iSt. Elizabeth eLusikisiki ujongene nezityholo zobuqhetseba norhwaphilizo. Uvele kwinkundala yamatyala ejongene nezezimali eMthatha (Mthatha Commercial Court) ngoLwesihlanu emva kokunqakulwa avalelwe ngooKhetshe ngezityholo zobuqhetsebe norwaphilizo. Kuxwebhu lwesimangala kuvela ukuba ngomhla we-13 kwinyanga yoKwindla kunyaka ophelileyo abazali bomntwana owayefuna isithuba sokufunda baya kwiYunivesithi yase-WSU kwicandelo leHealth Science.

Ekufikeni kwabo badibana noSihle nowathembisa ukubancedisa ukuba umntwana wabo ayifumane indawo yokufunda. Ngeloxesha uSihle wayengumfundi kweliziko ekwikomiti emele abafundi i-SRC (Student Represetantive Committee).Kuvakala ukuba uncedo lukaSihle lwalungekho fele-fele kuba wabathi nkaa imali engama-R25000, ethembisa ngokwenza izinto zenzeke uba nje bathe bayihlawula loo mali.

Eneneni abazali bayifaka kwiakhawunti yebanki yakhe,sekunjalo yangunomji ukuba umntwana afumane indawo. Abazali bafumanisa ukuba umntwana akekho kuluhlu lwabantwana abafumene isikolo ngokwesithembiso kwaye nesithuba sabe singekho. Abazali bayisa kubaphathi beYunivesithi le nyewe, nabathi bayidibanisa nooKhetshe.Sithetha nje uSihle uphume ngebheyile yama-R2000 uyakuthi abuyele enkundleni ngomhla wesixhenxe kwinyanga yeDwarha.