CommunityCrime & SafetyKAPA

ULWAPHULO-MTHETHO LUHLASELA IINKONZO ZOGUTYULO EKHAYELITSHA

Amaqela esixeko saseKapa angaphuma kuphela xa ukhuseleko lukhona

• Iindawo ezithile zaseKhayelitsha azinakubonelelwa ngokufanelekileyo ngamaqela ococeko eSixeko saseKapa ngenxa yamazinga aphezulu olwaphulo-mthetho, sitsho iSixeko.

• Abahlali baqhankqalaze ngempelaveki befuna umbane, amanzi kunye nogutyulo olungcono.

• IsiXeko sithi amaqela ococeko kufuneka akhatshwe ngabakhaphi bokhuseleko abasoloko befumaneka.

• Iimpompo ziza kufakwa ukusukela kule nyanga.

Amaqela ogutyulo lwelindle eSixeko saseKapa awakwazi ukunika iinkonzo kwiindawo ezithile zaseKhayelitsha ngokukhawuleza ngenxa yamazinga aphezulu olwaphulo-mthetho, isiXeko singqinile. Ilungu leKomiti kaSodolophu kuManzi noGutyulo uZahid Badroodien uxelele iGroundUp ukuba “ngenxa yomngcipheko wokhuseleko eKhayelitsha, amaqela esiXeko angakwazi ukufikelela kuphela kwindawo enabakhaphayo ekufuneka belungiselelwe ukukhusela amaqela ngelixa esebenza esizeni”. Ngelishwa, oku kuthetha ukuba amaqela esiXeko awakwazi ukujongana nezicelo zenkonzo ngokukhawuleza njengoko ethanda.” UBadroodien ebephendula imibuzo yeGroundUp kulandela uqhanqalazo lwangoMgqibelo apho abahlali basematyotyombeni iLevel Two bevale indlela iWalter Sisulu ngaseKhayelitsha Mall ngamatayara avuthayo. Olu qhankqalazo luphazamise ukuhamba kwezithuthi, ukulibaziseka kweenkonzo zeeteksi kwaye kwavala indlela yokungena kudederhu lweevenkile.