Sports

Iqela labasetyhini eNtabankulu kwingingqi yaseAlfred Nzo, i-Executive Ladies  ibonakala iqule yalingangatha ulungiselela isizini entsha yeSasol league ekulindeleke ukuba ingavulwa kungekudala. 

Ngu Anele Raziya 

Oku kuza emva kokuba i-Executive Ladies igqugqise amaqela kwitumente yebhola ekhatywayo ibisindlekwe ngosuku lolutsha (June 16) kumabala wedolophu yaseNtabanklu. 

Ngamaqela alishumi elinesibini ebethathe inxaxheba kwitumente ebesindlekwe yinkampani yezokhuseleko, i-All Blacks Security Company eNtabankulu edolophini ngemini yokuqatshelwa kosuku lolutsha. 

Injongo zale tumente ibanjwa rhoqo ngonyaka zezokuxhasa nokuphuhlisa ibhola ekhatywayo ingakumbi kwicala lamanina kwindawo ezisemaphandleni. 

Amaqela ebeyinxalenye yale tumente ebephuma kwindawo ezahlukeneyo ezifana noMthatha, Lusikisiki, KwaBhanca nakwezinye iindawo. 

Kulo maqela alishumi elinesibini (12) ebekhuphisana apho, Executive Ladies neFirst Touch FC ibengamaqela akwazileyo ukufikelela kwimidlalo kamagqibela kankqoyi (Final). 

Yaze Executive Ladies yaphumelela kulo mdlalo wamanqam ngamanqaku amahlanu eqandeni (5-0) ibetha iFirst Touch FC lonto yathetha ukuthi igoduka nemali engangeR8000, indebe enkulu kunye neembasa zeegolide ebezilimbaso lokuqala. 

UMnikazi weqela uMawethu Nama encokola neliphephandaba, uthe uchulumance kakhulu yimpumelelo yabo kwitumente yeJuni 16 kwaye lonto ibonakalise ukuba bakulungele ukuvulwa kwesizini yeSasol League entsha. 

“Sonwabile kuwine kwethu itumente ibiququzelelwa yiAll Blacks Security, impumelelo ibonisa mhlophe ukuba sihleli sikulungele ukuqala kwesizini entsha yeSasol league nokuba ingaqala nini,” kutsho uMhlekazi uNama. 

Imali abayiphumelele kule tumente uthe bazakuyisebenzisa ukuhlawula iteksi (taxi) eyayibancedile ukhwelisa abadlali babo kwisizini ephelileyo kwaye uthe bazakuhlala beziqeqesha kude kuvulwe imidlalo yeSasol league. 

Isizini yeSasol league bekumele ivulwe ngomhla weshumi elinesine (14 June) emva kokuba umbutho webhola ekhatywayo iSouth African football Association (SAFA) ibhengeze ukuba iwahlawule amanye amaqela imali yesibonelelo yesizini ephelileyo yokuncedisa ukhwelisa abadlali xa besiyodlala. 

Kodwa sekunjalo imidlalo iphindwe yamiswa kwakhona kuba amaqela adlala kwiSasol league eMpuma Koloni efuna uhlawulwa yonke imali yawo iphelele kuquka naleyo yamambhaso wamaqela ebeqhube kakuhle kwisizini ephelileyo. 

Lonto ithethe ukuthi amaqela asalinde nokufumana amabhaso wawo awaphumelele kwisizini ephelileyo emva kokuba egqibe isizini edlale kakuhle. 

Photo Caption(3 pics – players dressed in black): Iqela lase Ntabankulu Executive Ladies iphumelele itumente yeJune 16 ngemini yolutsha kwingingqi yaseAlfred Nzo. 

Photo Anele Raziya