Bekubhiyozelwa inyanga yamafa namagugu esizwe
26 EyoMsintsi (Sept) 2024 – 09 EyeDwarha (Oct) 2024
Anele Raziya
Inkulumbuso yaseMpuma Koloni uLubabalo Oscar Mabuyane uthe ukuziswa kophuhliso kwindawo abahlala kuzo abantu yeyonanto urhulumente ayibeke phambili.
Ebethetha kumsitho wephondo ububanjelwe kwiKhomkhulu lamaXhosa eNqadu kuGatyane nalapho bekubhiyozelwa inyanga yamafa namagugu wesizwe kunye nenkcubeko ngoLwesibini (namhlanje).
Lo msitho mkhulu ubuzinyaswe ziinkosi, amagqirha, abaPhathiswa ephondweni, usekela Mphathiswa kwiSebe CoGta uPrince Zolile Burns Ncamashe, iKumkani yamaXhosa Jikelele uVulikhaya Ahlangene Sigcawu kwakunye nabahlali ebebenxibe impahla zesiXhosa.
Amaqela omxhentso abe phuma kwinkalo ngenkalo eMpuma Koloni nawo ebekhona uzokonwabisa uluntu obeluzimase umsitho wokuqaphela usuku lweHeritage Day.
UMabuyane uyiqale intento yakhe ngokubulela bonke abo bathi badlala indima ebalulekiyo kwinkululeko yelizwe lo Mzantsi watsho esithi urhulumente usekwiphulo lokutshintsha wonke amagama wedolophu kunye nezitalato ezathiywa ngexesha lengcinezelo.
Uthe ukungcina imbali yeli bazakuthiya izitalato kunye nedolophu ngamagama wamaqhawe weli awadlala indima ebalulekileyo ukulwela inkululeko yeli.
Uqhube wathi igama East London, izitalato ezathiywa ngexesha lengcinezelo zizokuntshintshwa.
UMabuyane uye wa enye yezinto ebalulekiyo kukuba urhulumente azise uphuhliso kwindawo abahlala kuyo abantu.
Watsho esenza umzekelo ngobhabhaza bevenkile (Dutywa Mall) abakhiwayo sithetha nje eDutywa esithi kutyalwe imali engange R350 Million kwaye elwaphuhliso luzisiwe ngabatyali zimali kubantu waseMbhashe.
Uphinde waphuwula esithi kuhle ubona uphuhliso naseMnquma apho kwakhiwa iMall kwilali yakuNdabakazi kwaye lonto iza kuncedisa kuphuhliso.
Kwababhabhaza bevenkile abakhiwa eNdabakazi uthe abatyali zimali bafake imali engaphezulu kweR350 Million kwaye la projekthi kulindeleke ukuba ibenesigaba sesibini nalapho kuzokwenziwa indlela enqumla ecaleni kwedolophu yaseGcuwa ulungiselela izithuthi ezingafuni ulibaziseka xa zisiya eMthatha zibe zisuka ngaseMonti.
UMabuyane uthe urhulumente uxakekile uhambela phezulu wokha nezibhedlele ezifana nasaseMadwaleni Hospital eXhorha, iZithulele Hospital eseMqanduli nalapho befake imali engange 1 Billion ukuba kuqhutywe lo projekthi.
Uthe kule minyaka izayo bazimisele ugalela iibillion kwinkampani eyenza iindlela uSanral ukuba enze indlela zaseMpuma Koloni zonke.
Indlela esuka eBika eGcuwa isiya kwisibhedlele saseThafalofefe kuCentane uthe kufuneka yenziwe.
Ukwenziwa kwezindlela uyichaze njengonto ezakwenza ukuba kubelula urhweba abatyali zimali.
Njengokuba eye wancoma nomsebenzo abawenzayo ngokuthi benze indlela esuka kuGatyane isiya eDwesa kwaye ukwenziwa kwayo kwenza kubelula kumasipala waseMbhashe ukuba urhwebe abatyali zimali.
Indawo zembali zifana nengcwaba lika Tata uMfundisi uTiyo Soga uthe zizakuhlala zilondolozwa ezondawo kunye nezinye ukungcina imbali yeli ukuze kufundiswe nesizukulwana.



