UMphathiswa ojongene noPhuhliso lwamaphandle eMpuma Koloni
14 EyeNkanga 2024 – 27 EyeNkanga 2024
Anele Raziya
UMphathiswa ojongene noPhuhliso lwamaphandle eMpuma Koloni, uNonceba Kontsiwe uqhubela phambili nephulo eliqinisekisa ukuba amafama asakhulayo ezilalini ayayifumana inkxaso ayidingayo.
Kwiveki ephelileyo isebe lika Kontsiwe libambisene nomasipala waseMbhashe lithe laxhasa amafama welali yaseColosa ngesakhiwo seshedi esitsha kraca.
IKumkani yamaXhosa Jikelele, uKumkani Ahlangene Sigcawu, umbutho ojongene nokuveliswa koboya, iEastern Cape Wool Growers Association nawo ubuyinxalenye yomsitho.
Umasipala ubumelwe nguceba uNomvuyiseko Mgedezi okwicandelo lakwa Head for development planning eMbhashe.
UKontsiwe ekunye neKumkani yamaXhosa uSigcawu ngabo abathe banikezela ngeZweliyazuza Shearing Shed kumafama waseColosa.
Ethethe kulo msitho uKontsiwe, uthe ukwakhelwa kwamafama iishedi yenye yendlela urhulumente weli abonakalisa ngayo inkxaso yakhe kumafama.
Uqhube wathi ukwakhiwa kwale shedi ixabisa imali engange R1,3 million kuzoncedisa kuzo zonke izidingo zamafama waseColosa asebenza ngoboya.
UKontsiwe uthe ishedi yenziwe yanayo nedipping tank kunye nezinye iimatshini ezizakuncedisa xa kuveliswa uboya kwaye unethemba lokuba amafama azakukhuthazeka nangakumbi kumsebenzi wawo.
Ukumkani uSigcawu uthe kuluvuyo ubona urhulumente esenza kangangoko ukuncedisa uluntu ukulwa nezinga eliphezulu ledlala.
Uqhube wathi imveliso ephuma kule projekthi yaseColosa iyakudlala indima ebalulekiyo nakwicala lokhulisa uqoqosho lwasekuhlaleni.
Ezinye zezinto ezihamba nesi sakhiwo seshedi ziquka iwool sorting table, bale lifting hooks, dipping tank, water pump, wool presser machine nezinye izixhobo zokusebenza.
Amafama aye abulela kumphathiswa uKontsiwe nomasipala ngenkxaso yabo.
Oko kuqale lonyoka isebe sele linikezele iShearing Shed ezibalekayo eMnquma kwindawo yaseNgqamakhwe kuquka nakwezinye iindawo.


