Luyaphuculwa ulutsha kwezemidlalo
14 EyeNkanga 2024 – 27 EyeNkanga 2024
Intatheli: Anele Raziya
Ulutsha lakuGatyane kwaWadi 25 neendawo ezingqongileyo sokuze liphinde lusokolo xa linqwenela ukusindleka itumente yezemidlalo enemdilalo entlobo-ntlobo.
Kulandela emva kokuba abahlali bakuGatyane bathe bokhelwa ibala lezemidlalo elikumngangatho ophezulu xa kuthelekiswa namabala ebefudula ekhona kula ngingqi.
Eli bala lakhiwe lakumngangatho wale mihla nalapho ibala libanendawo yokubaleka iimbaleki, eyokudlala itennis, eyokudlalela ibhola ekhatywayo, neyokudlala umbhoxo kunye neNetball.
Ibali lakhiwe ngumasipala waseMbhashe eDutywa ngenzame zokhuthaza ulutsha kwezemidlalo.
Kwiveli ephelileyo uSodolophu uSamkelo Janda noMphathiswa wezeMidlalo eMpuma Koloni, uSibulele Ngongo baye banikezela ngebala iWillowvale stadium entsha kraca kubahlali bakuGatyane neziphaluka.
UJanda uthe injongo zokwakha ibala elikumngangatho ophezulu kungokuba befuna nabo basezilalini badlale kumabala afana nalo asezidolophini.
Uqhube wathi ngokwakha kwabo elibala bengurhulumente bajonge ukhupha iimbaleki, abadlali bebhola, abadlali bombhoxo nabadlali betennis abagqwesileyo naba zakuphakamisa igama loMbhashe kwihlabathi.
UMphathiswa uNgongo ephefumla ngokwakhiwa kwebala kuGatyane, uthe inye into efunwa ubonwa ngurhulumente, kubona abantwana bethatha ixhanxeba emidlalweni ngobuninzi kwaye bahambele kude kwiziyobisi kuba azinalo ikamva eliqaqambileyo.
Uqhwabele izandla nomasipala waseMbhashe ngokusebenza ngokuzinikela uphuhlisa uluntu ingakumbi ezilalini.
Urhulumente uye wahlaba ikhwelo ebahlali ukuba baliphathe kakuhle ibala labo kwaye bahlale belibeke esweni lingonakaliswa zizabhoxi.
Kweli bala akukhonto ingekho uqala kumatanki wamanzi, izitulo zokuhlala abalandeli kunye nendlu kanogada ozakugada ibala.
Abahlali baye bathembisa umasipala ngokugcina likhuselekile ibala labo kwabo bafuna ulonakalisa. Ibala lizokusetyenziswa ngumntu wonke kuqula nabo baphila nokhubazeka zikhona indawo ezilungele bona kwalapha kubo nabanokuthi badlala kuzo.


