LocalNewsSports

Ikamva lolutsha likwezimidlalo kunye nemfundo

14 EyeNkanga 2024 – 27 EyeNkanga 2024

Intatheli: Anele Raziya

Ikamva lolutsha likwezemidlalo kunye nasesikolweni kwaye lonto idinga ubethelelwa kwabo basakhulayo ingakumbi abo bahlala kwindawo ezisemaphandleni.

Lowo ibingumyalezo ophambili oshumayelwe yiNkosi uNtsikayesizwe Sigcawu ngexesha ebesindleke itumente yamanqindi eGcuwa kutsha nje.

USigcawu ongumthelekisi we-Isizwe Boxing Promotions, ebememe iimbethi manqindi ezilishumi elinesine (14) kwitumente yamanqindi ibixhaswe ngumasipala waseMnquma.

Kwintetho yakhe ephambili ayenze kulo msitho uSigcawu, uye wabongoza ulutsha ukuba luhambele kude kwizenzo zolwaphulomthetho nokusela utywala.

“Okokuqala ndibulela inkxaso endiyifumene kumasipala waseMnquma ngokuthi uxhase itumente, injongo zale tumente kuphuhlisa umdlalo wamanqindi eMnquma naseMbhashe,” utshilo uSigcawu ophuma kwikomkhulu lamaXhosa eNqadu kuGatyane.

Uqhube wathi intsebenziswano ephakathi komasipala waseMnquma ne-Isizwe boxing promotions idlala indima ebalulekileyo ekuncediseni uphuhlisa umdlalo.

Nangona kuye kwaphumelela imbethi manqindi enye kwezo zintathu (3) ebezimele uMnquma kwitumente kodwa uSigcawu nomasipala waseGcuwa bonwabe kakhulu yindlela oqhube ngayo umsitho.

“Kuluvuyo kuthi singumasipala ukuba sibone ulutsha lwalapha luthatha ixhanxeba ngobuninzi kwimidlalo emile kunje kwaye lonto isinika ithemba lokuba iza kuphela into yokusetyenziswa kweziyobisi lulutsha,” kutsho uSisa Matutu ebethetha egameni lomasipala waseMnquma.

UMatutu uthe bengumasipala bazibophelele kwinto yokuxhasa onke amaphulo ajolise ekuphuhliseni ulutsha kwaye bayakhuthaza ukuba abathelekisi bamanqindi baqhubeke nokusindleka itumente ezinjena eMnquma.

Uthe bengumasipala bane ofisi yabo ejongene nokuxhasa inkqubo ezifana nezemidlalo kunye nezinye izinto ezisidingo eluntwini kangangokuba ucela abantu batsho xa bedinga inkxaso kulunto izakuphuhlisa uluntu kwaye incede nolutsha.

Kangangokuba kutsha nje umasipala waseMnquma ukhe wanikezela ngekiti yebhola ekhatywayo kulutsha lwelokishi yaseZizamele cebu kuhle nedolophu yaseGcuwa.

Ezo nzame zezogcina abantwana emidlaweni bahambele kude kwiziyobisi nolwaphulomthetho.

Kwimbethi manqindi eziye zaphumelela, uBathandwa Mendela waseGcuwa ubethe uSivenathi Qwemesha waseMdantsane ngamanqaku kumlo wedidi lwe Featherweight kwimijikelo emithandathu (6 rounds).

UMasibulele Mbumba waseGcuwa ubethwe walaliswa ngomqolo kumjikelo wesibini nguLutho Mbuku waseMhlontlo, bebesilwa kudidi lwe Welterweight kwimijikelo emine.

USakhumzi Nziweni waseNyandeni wabethwa wawiswa nguMawethu Limo waseMonti kumjikelo wesibini kumlo wedidi lwe Bantamweight.

Umlo omkhulu wosuku ubuphakathi kuka Asandiswa Nxokwana wakuCentane oye wabethwa yintombanzana ibisuka eRhawutini, uMonica Mkandla ngamanqaku kudidi lwe Bantamweight kwimijikelo esibhozo.

USigcawu uyibulele kakhulu inkxaso ayifumene kubathandi bamanqindi eMnquma nebebephume ngobuninzi ugcwali iholo yedolophu yaseGcuwa.