CommunityMPUMA KAPA

Gcuwa floods

Ngu Anele Raziya 

Azikabuyeli esiqhelweni izinto kubahlali bendawo yogobityholo (skwatta camps) ebizwa ngokuba kuse Skiet eGcuwa emva kokuba bechaphazelwe zizandyondyo zemvula ezikhukhuliseni ibhulurho eMnquma. 

Kwiveki ephelileyo indawo yaseMnquma izibone isengxakini emva kokuba kunethe imvula enkulu yade yadiliza izindlu yaqhawula neentambo zombane kwezinye indawo. 

Indawo yaseSkiet Informal Settlement ezinze cebu kufutshane nedolophu yaseGcuwa nayo iye yachaphazeleka  kwezi zandyondyo zemvula nalapho amanzi aye angena kumagali wabahlali bancame bathutha bawashiya uyokuhlaliswa kwiholo yedolophu yaseGcuwa. 

Wonke umntu umoshakalelwe zimpahla ebenazo ngaphakathi kumkhukhu wakhe ngenxa yamanzi ebegcwele yonke indawo eSkiet informal settlement kwaye egqume nebhulurho aye ayikhukhulisa. 

Emveni kwale mvula ishiye abantu benganamikhukhu kwindawo yaseSkiet eGcuwa, iNkumbuso yaseMpuma Koloni uOscar Lubabayo Mabuyane uye watyelela eMnquma uzokujonga umonakalo obangelwe zizandyondyo zemvula.

Ufika amaxhoba wemvula egcinwe kwiholo yedolophu yaseGcuwa apho alala khona aphinde ayifumane khona into eya ethunjini. 

Ethetha namaxhoba, uMabuyane uthe bengurhulumente bazokhawulezise bathumele izindlu zethutyana ezizakusetyenziswa ngabahlali bamkelwe yimikhukhu yabo ngenxa yemvula. 

“Ngalo mzuzu sakujonga izindlu zethutyana enizakuhlala kuzo kodwa singurhulumente sifuna ujonga umhlaba esinokwazi ukunakhela kuzo izindlu zesibonelela sika sikarhulumente,” kutsho uMabuyane. 

Uqhube wathi abo baphulukene nezazisi zabo (Identity Documents) nezinye izinto uSASSA noHome Affairs sele beqalisile iqhubo yokwenzela abantu ezozinto zabo zilahlekileyo.

Imeko yendlela abahlali abehleli ngayo kwiholo yedolophu yaseGcuwa, uMabuyane uyibonile ukuba ayintlanga njengoko wonke umntu ekuquka umntana, umama, utata, ixhogo nolutsha bonke abobantu bahleli kwindawo enye kwaye banxinene.

Kungoko uMabuyane ethe bengurhulumente bazayikhawulesiza kakhulu lenkqubo yezindlu zethutyana ukuze abantu baphindele kubom babo ababuqhelileyo. 

Ukanti noMphathiswa ojongene noKuhlaliswa koLuntu kuZwelonke, uThembi Simelani ekunye noMphathiswa wephondo uSiphokazi Lusithi bakhe bazinika ithuba lokuzibonela umonakalo obangelwe yimvula eSkiet nakwindawo ekuthi kuse Eugene ngaseGompo. 

Bobani abaphathiswa baye babethelela kwintetha yeNkumbuso ebesithi amaxhoba azakwakhelwa kodwa okwangoku angalindela ukunikwa izindlu zethutyana. 

Abahlali bezindawo zichaphazelwe yile mvula ngamamdla bathe bayavuya ukuva urhulumente ethembisa ngobanceda kwaye babulela namashishini afana noShoprite, Spargs abathe gqolo ngoxhasa ngokutya, bekwabulela neFoundation ekhokelwa nguNdileka Mandela namanye amashishini abanike iingubo nempahla njengoko belahlekelwe yiyo yonke into ebebenayo.

Njengokuba sisiya ekupheleni kwale nyanga abahlali basahlala kwiholo yedolophu yaseGcuwa kuba belinde ukhutshwa ngurhulumente ebasa kwizindlu zethutyana.

Iimifanekiso: Inkulumbuso yaseMpuma Koloni uLubabalo Oscar Mabuyane ebetyelele amaxhoba wezandyondyo zemvula eMnquma. 

Omnye umfanekiso: Amaxhoba wemvula afumene inkxaso yokutya neempahla eMnquma. 

Omnye umfanikiso: Ibhulorho esuka eSkiet iwelela kwidolophu yaseGcuwa imke nezandyondyo zemvula. 

Photo Anele Raziya 
Photo Anele RaziyaÂ