AbaThembu abanaNkosi inguMareke
12 EyoMsintsi (Sept) 2024 – 25 EyoMsintsi (Sept) 2024
Monwabisi Khininda
Isizwe sabaThembu esizinze eMthatha sikhuphe imbalelwano ecacisa gabalala ngobukhosi bukaDalinzolo Mareke egawulwe ngembumbulu ngamapolisa kwiveki ephelileyo.
Le mbalelwano ibhaleke nguNkosana Zanothando Mtirara.
- Indlu yobuKumkani babaThembu inqwenela ukucacisa ukuba uMareke ebengeyiyo iNkosi okanye usibonda waseMthatha West.
- Amatyala abejongene nawo azakuqwalaselwa ngabasemthethweni.
- Sibongoza abantu abazenza iiNkosi/ooSibonda kule ngingqi nabo baphanga iimali zabantu ukuba bohlukane nalo mkhuba ngokukhawuleza.
- IKumkani yabaThembu uZwelibanzi nguyo ozakuqinisekisa ngozinzo kwingingqi yaseMthatha West.

