Udukile uSajini wamapolisa
NguMonwabisi Khininda
Iyakhula inkxalabo emva kokulahleka kukaVuyiswa Martha Nduna onamashumi amane anesixhenxe eminyaka (47),oxelenga njengoSajini kwisikhululo samapolisa esiseBainsvlei eBloemfontein kwiphondo laseFreyistathi.Wagqityelwa ukubonwa ngunyana wakhe ngoLwesihlanu umhla we -1 kuAgasti walonyaka.Kuvakala ukuba uNduna wathenga itikiti lebhasi eya eMthatha eLangehovenpark kodwa zange afike ekhaya.
Ngokwengxelo yonyana wakhe uNduna wacela itekisi ukuba imse kwisikhululo sebhasi esiseTourism Center,kodwa akukho bungqina bokuba wakhwela kusini na ebhasini.Emva kokungamfumani emnxebeni unyana wakhe uye watshalela umnxeba kwisikhululo samapolisa asebenza kuso kulapho amapolisa aye avula ityala lomntu olahlekileyo.
Amapolisa abongoza nabani na onganenkcukacha zokuba uophi uNduna atsalele umnxeba kuCaptain Thapelo Motseki kule nombolo-0824420991 okanye kuMySAPS App okanye kuCrime Stop 0860010111.Ngenkcukacha ezithe vetshe ungaqhakamshelana noLt.Col Thabo Covane ku-0824617473 okanye 0827572233.


