Crime & Safety

Obefunwa ngokubulala amanina amabini ufunyenwe etshabile

Yintatheli yeKhwezi

Indoda eneminyaka engamashumi amane anesibini ubudala (42) ebifunwa ngamehlo abomvu ngamapolisa ngezityholo zokudubula ibulale intombi  ena-(22) eyayifudula incuma nayo yaze yalandela ngokubulala umfazi onama 49 eminyaka emzini wayo eNgobozana eLusikisiki ngoLwesibini weveki ephelileyo, ifunyenwe sele ibanda nkca okwempumlo yenja inenxeba lembumbulo entloko.

Amapolisa athi umzimba wayo ufunyenwe kwilali iGqathula ekumgama oyi 10 yekhilomitha ukusuka edolophini.Isithethi samapolisa uBrigadier Nobuntu Gantana kwingxelo yakhe uthe uphando lokuqala lubonisa ukuba le ndoda izidlulise amafu ngenxeba lembumbulu kodwa amapolisa asaqhuba uphando. “Kutyholwa ukuba emva kokudubula amaxhoba ekuseni ngoLwesibini kuvakala ukuba umrhanelwa ubaleke ngesithuthi sosapho esifunyenwe ngamapolisa sishiywe kwindawo ethile,”kutsho uGantana.

Uphando lwamapolisa lukhokelele kulelali apho kufunyenwe khona umzimba ethafeni uqungquluzile kufuphi nawo kukho umpu oluhlobo lwe-9mm.Umzimba uthe wafaniswa ngempumelelo njengomrhanelwa obekhangelwa ngamapolisa.Kuvulwe ityala kwisikhululo samapolisa eLusikisiki ukuze kuqhutywe uphando ngeemeko ezingqonge ukulala kobandayo kwalendoda.