HealthLocalNews

Babonakalise imisebenzi yabo  oGrirha base Ngcobo

28 March 2024 – Yonela Mpaka

Umasipala wase Dr AB Xuma ubize bonke oGqirha abasuka kuledolophu ukuzonceda abantu baseNgcobo phantsi kokubhiyozela inyanga yamalungelo abantu nokubhiyozela kweqgala lomzabalazo uDr A B Xuma ozalwa  kwilali yakuManzana eli gqala lomzabalazo u Dr Xuma lithe lakhunjulwa ngokuthi kusiwe inkonzo zikarhulumente ebantwini.

Umasipala wase Dr AB Xuma nowayesakubangu masipala wase Ngcobo waye watshintshwa igama wabizwa ngeligqala laku Manzana.Abantu abahlala ezilalini zase Ngcobo nabathe baxhamle ngethuba kubhiyozelwa uDr Xuma bebengawuvali umlomo. Utata uMonelisi Thole nofumene unyango mahala kogqirha uthi uyavuya kakhulu kuba kwindawo abaya kuzo zempilo  baye bafole imigca emide ngelinye ixesha babuye bengalufumenanga noloncedo, eliphulo  uthi banqwenela liqhube libheke phambili libekhona noba kusemvakwenyanga ezintathu.

“Ukuva  kwam ngeliphulo ndilele ndiguqile kuba besele ndingasenazo ipilisi namayeza, ndivuye kakhulu xandifika kuxakekekile wonke umntu elangazelela ukusinceda, Sabulela ku Sodolophu womasipala othe gqolo ukusiphathela into eziluncedo,“ utshilo utata uThole. Isikhokhelo sika Masipala siye saqinisekisa ukuba wonke umntu uhamba elufumene uncedo.

OnguSodolophu kumasipala I Dr Ab Xuma  uCllr Siyabulela Zangqa uthi babize bonke oqgirha kuba bafuna ukukhuthaza kwabo abasebenza ngokungenisa imali ukuba banokwenza oku ngamanye amaxesha ngaphandle kwembuyekezo  “Likhwelo eli esilihlabe kuba sikhumbula u Grirha owathi wanceda abantu belilizwe ephuma kwilali zaku Manzana kwakuledolophu yethu, sifuna  nokuqinisekisa  ukuba abantu bayaxhamla kwizinto esizenzayo ngaphandle kokuba bahlawule imali, senza  umbulelo kubobonke oGqirha abavule izandla balisabela elikhwelo sithi kubo ukwanda kwaluwa ngumthakathi,“ utshilo u Zangqa. Abo basebenza ngophononongo lwengqondo nabo balisabele ikhwelo bexhobisa abantu ngendlela zokuzikhwebula ekubeni ubelixhoba lokusebenzisa iziyobisi kwa ngamanye amaxesha ukuzibhaqa sele unoxinzelelo lwengqondo.