Abahlanguli bamaxhoba ezikhukula bawongiwe
Intatheli: Monwabisi Khininda | Slovo Park
Amagorha amabini awayezizinqinanqina ehlangula amaxhoba ezikhukula ngomhla we10 kuJuni walonyaka azuze amawonga kwi –DBSA (Development Bank Of Southern Africa). UThandeka Nkomonye waseSlovo Park uthi uyaqala ukufumana iwonga ebomini bakhe,nangona ebengaqali ukuhlangula abantu abemka namanzi. UNkomonye uthi kuthi kwakunetha eMthatha acinge esangomhla wentlekela.
“Ndiye nditsale umnxeba ngoko nangoko ndiqonde ukuba imeko injani na ekhayeni. Akukho bani owaziyo ukuba izikhukula azinakusiphinda kusini na.Into endayibona ngomhla wesikhukula soze icime engqondweni yam. Kwakubuhlungu ukubona abantu besimka namanzi.” UThandeka uthi wayengakwazi ukusonga izandla ebona abantu bekhukuliseka.
Ukunceda abantu lubizo kum.Ndike ndazimela ekhaya ndayonceda abantu. Ndaphuma ekhaya ndinxibe impahla zokulala. Ndafika komnye umzi kwindawo ekuthiwa kuseMasimini ndaboleka impahla zokunxiba.Ndathi xa ndingena emanzini abantu abadala ababekufuphi bandinqanda, kodwa bathe bakundibona ndinceda ixhoba lokuqala nabo bandincedisa. Saye saxelelwa ukuba kukho abantu abathandathu abahleli phezu kophahla lwendlu. Okokuqala zange sibabone kodwa sive ukumemeza unina wosana oluneveki ezisibhozo ubudala.Safumana ibhakethi elingenanto ndathi makafake usana alijule, waqala akavuma ndamqinisekise ukuba ndizokubanceda wavuma. Saye sabahlangula bonke abobantu babesengxakini.” UThandeka uthi ebeziva exolile emphefumlweni xa esindise ubomi bomntu obesimka nesikhukula.
Enye indadi enguSizwe Madikizela (49) onowaseDycolin uthi ubenemincili ukufumana esi siqinisekiso kuba yena wayenceda nje abantu engalindelanga nzuzo.Naye uthi kunzima ukuba ezantsuku zesikhukula zingacima kwiingcinga zakhe kuba kwakubuhlungu ukubona abantu besimka namanzi. Uthi waqala ukunceda umntu ngenkosikazi engummelwane wakhe. “Zange ndikwazi ukunyamezela isikhalo.Ndazixelela ukuba yimini yokuba ndimke namanzi makubenjalo. Ndangena emanzini ndamhlangula. Ngalomini ndahlangula abantu abane.” Ugqithise ilizwi lombulelo kumzi i-DBSA “Khange ndicinge ukuba kukho umntu ocingayo ngathi nomsebenzi esawenzayo ukusindisa abantu bakaThixo.”

