Ubanjelwe isiqinisekiso somgunyathi
Intatheli: Monwabisi Khininda | East London
Ibutho looKhetshe eMonti linqakule lavalela igosa lesebe lezoThutho ephondweni ngesityholo sokusebenzisa isiqinisekiso sebanga leshumi (Senior National Certificate) somgunyathi. Umrhanelwa uPhilela Tafeni (29) ubanjwe kwindawo ahlala kuyo eMonti ngezityholo eziquka ubuqhophololo, nokupheka isiqinisekiso sebanga leshumi. Oku kulandela uphando olunzulu ngobuqhophololo bokufaka isiqinisekiso somgunyathi. Uvele enkundleni yamatyala eQonce kwiveki ephelileyo waze wakhutshwa ngebheyile yama-R3000.00
Ngokwengxelo yesithethi soKhetshe uWarrant Officer Ndiphiwe Mhlakuvana kutyholwa ukuba ngoJuly 2015, uTafeni wafaka isicelo somsebenzi kwicandelo lokuthuthwa kwabafundi kwisebe lezoThutho apho wayesebenza njengeData Capturer. Wasebenza nje unyaka waqeshwa ngokusisigxina ukuqala ngomhla wama-21 Juni 2016. UWarrant Officer Mhlakuvana uthi ngoJanuwari 2025 kwavela ukuba kukho umsebenzi ongene ngeqwaku-qwaku lomgunyathi eliphekiweyo njengoko engazange waliphumelela ibanga leshumi. Kwavulwa ityala lolwaphulo mthetho laze ladluliselwa koKhetshe ukuba baliphande.
Uphando ludize ukuba uTafeni waxhamla ngendlela engekho mthethweni ngokufaka isiqinisekiso esiphekiweyo kwaye uxhamle kwimali efikelela kwi-R2048169.00 ebhatalwa ukusuka ngoJuly 2016 ukuya kumhla wokuqala kuTshazimpuzi 2025. Ityala limiselwe uLwesihlanu waleveki ukuze kufunyanwe umhla wokuya kwenye inkundla apho kuza kuxoxwa khona.

