UTunzi kumdlalo kamabonakude
Intatheli: Monwabisi Khininda | Mpuma Kapa
UZozibini Tunzi-Bolowana owazenzela igama ngokuphumelela ukhuphiswano lonobuhle kwihlabathi (Miss Universe) ngamnyaka ka-2019, ufumene indawo yokuba ngumdlali ophambili kumdlalo othi Bad Influencer ozodlala kuNetflix ekupheleni kwenyanga yeDwarha.
UZozibini Tunzi-Bolowana (32) oyinzalelwana yaseSidwadweni kuTsolo eMpuma Kapa, ezi ndaba zimandi kangaka uzibhadlaze kwikhasi lakhe lika-Instagram apho athe uzobe edlala nosaziwayo kwezokuboniswa kwemphala uNaomi Campbell. UZozibini uthe unebhongo kakhulu ngendima azoyidlala kumdlalo oluchungechunge kuNetflix. Lo nobuhle uzobe edlala noLerato Nxumalo.
Ayingomdlalo wakhe wokuqala lo uZozibini kuba wake wadlala nakwi The Woman King kulomdlalo wayedlala noThuso Mbedu, Viola Davis, Leshana Lynch,John Boyega, Masali Budaza, Sepotla Sebogodi, Thando Dlomo noMakgotso Monyemorathoe.
Phambi kokuba ngunobuhle ogqwesileyo uZozibini wazuza isidanga kwi-Public Relations Management kwiCape Peninsula University of Technology ngo-2018.


