Amapolisa akhangela ababulali
Intatheli: Monwabisi Khininda | Mpuma Kapa
Amapolisa aseMpuma Kapa athe bhazalala ekhangela abasolwa kwityala lokubulawa kwabantu abathathu eNdevana, eZwelitsha kwiveki ephelileyo.
Ngokwengxelo yamapolisa amaxhoba amane aneminyaka ephakathi kwamashumi amathathu kutyholwa ukuba ahlaselwe ngabahlali kwaze kwasweleka amadoda amathathu.
Ingxelo ithi amapolisa afike afumana izidumbu zamadoda amabini aze amadoda amabini abalekiswa esibhedlele. Omnye wesi sibini ufike wasweleka, kanti omnye uchacha kuhle esibhedlele. Akukho mntu oselebanjiwe malunga nesi siganeko,nophando lwamapolisa luyaqhuba.


