CommunityLocalNews

IMakhaphetshwini eMthatha yindawo yeengozi

21 May 2023 – Monwabisi Khininda

EMthatha

IMakhaphetshwini ekuhola wendlela u-N2 nephezu komlambo iNcambedlana engumda phakathi koMthatha neLibode eSibangweni, idume kakubi njengendawo yeengozi ezimasikizi zenqwelomafutha. Iingozi ezehla kule ndawo zibaphakathi kweetekisi nezinye izithuthi kwaye zisuba imiphefumlo yabantu abaninzi. Ngenjikalanga yangeCawa kungquzulene okwenkunzi zeegusha iitekisi ezimbini ezishiye abantu abathandathu bengaphefumli omnye waswelekela endleleni eya esibhedlele omnye wesibhozo usweleke selefikile esibhedlele.

Imozulu embi ingangunobangela walengozi nanjengoko kungekaqinisekiswa isizekabani esingunobangela wale ngozi. Amagosa wezendlela, ayabongoza kubaqhubi, bazame ukuqhuba ngenkathalo nanjengoko imozulu ithande ukubambi apha ephondweni leMpuma Kapa.

INkulumbuso yephondo uOscar Mabuyane uvakalise umothuko akuva ngelishwangusha lelishwa ze waphosa amazwi ovelwano kwiintsapho zonke ezichaphazelekileyo. Wazeka mzekweni esongeza kwiintshumayelo ethe gqolo ukuvakala kumagosa endlela yephulo likaFika Uphila (Arrive Alive).

Uye wadomboza, eleleza ecenga nabaqhubi ukuba bakhathalele iimpilo zabakhweli, wavala ngelithi kwabo bajongene neentlekele eziloluhlobo baphandisise ngamandla baze nengxelo epheleleyo nekhokhelele kunobangela walentlavubele yengozi.

Â