BusinessCrime & SafetyLocalNews

Baxolile lugqogqo oluqhubayo eCala 

02 September 2026 | Yonela Mpaka | Cala

Umasipala wase Sakhisizwe e Cala uqhube ugqogqo kwivenkile zabantu bangaphandle emva kwematshi ibisingise kumasipala igunyazisa abo bathengisa edolophini ingabantu bangaphandle  ukuba mabahambe. Idolophu yase Cala ibikhe yaqhuba imatshi efuna kuhanjiswe wonke umntu ongenampepha zokuhlala kwidolophu Lena kwa nokuthengisa.

Abahlali bazihleli intlanganiso bethethisana nomasipala de bavumelana ngelithi abo bangenampepha bakuphuma baphele kwidolophu le. Umasipala ebambisene nenkokheli zabahlali kwakunye namasebe ajongene ngqo noku aluqhubile ugqogqo.

Kufunyenwe ivenkile ezingamashumi amathathu eziqhuba nokuthengisa kwidolophu le, kwaze kwabanjwa abantu abasixhenxe nabathengisa ngokungekho semthethweni, ivenkile ezilishumi zivaliwe ngenxa yokuba abanikazi bazo abanazimpepha zakuthengisa. Ukutya okudala kufunyenwe kwenye yevenkile.

Eliphulo likhe laqhuba kunyaka esimshiya ngasemva nelakhokhelela ekubeni abanye osomashishini bavale.Uluntu luvakalise ukuba wonke umntu oqhuba ishishini kwidolophu le uzakwenza ngokufanelekileyo. USodolophu womasipala uCouncillor Phonoshe ukuvuyele ukusebenzisana noluntu ukuze idolophu ibenoshishino oluthe ngqo.