Azizuvalwa izikhwewu zookhansela ngenxa yolonyulo
Intatheli: Monwabisi Khininda | Mzantsi Afrika
Ukusukela kwinyanga kaEpreli kunyaka ozayo kuzonqunyanyiswa ukuvalwa kwezikhewu zokhansela beewadi koomasipala xa kusenzeka asweleke okanye arhoxe njengekhansela kuba kuzobe kulungiselelwa ulonyulo loomasipala kuzwelonke. Oko kuthetha ukuba azizuvalwa izikhewu de kube kubanjwa ulonyulo oluzobanjwa phakathi kuka-Novemba 2026 noJanuwari 2027. Oku kudizwe nguMnu. Masego Sheburi olibambela ngqonyela yeKomishinali eZimeleyo yeZolonyulo (IEC). Uhambise wathi ukusukela kwinyanga kaEpreli kulo nyaka, babambe amakhetho okuvala izikhewu kwiiwadi ezingama-57.Uthi ezona wadi zininzi zibeseMpuma Kapa naseGauteng.
“Umthetho uthi kufuneka sibambe ukhetho lokuvala isikhewu kwintsuku ezingama- 90 kudaleke isikhewu ewadini.Kodwa ngenxa yokuba kuzobanjwa ulonyulo lorhulumente basemakhaya kuzwelonke ngeke sikwazi ukuba nolonyulo lokuvalwa kwezikhewu xa kusenzeka kuvuleke isikhewu ukusukela ngoEpreli 30, 2026,” utshilo uSheburi. Ucacise ngelithi alukho usuku lovalo lwezikhewu ezidalwe ngamakhansela azi-PR olubekiweyo lokuba zingavalwa izikhewu zawo njengokuba kuzobanjwa ulonyulo. “Izikhewu zamakhansela azi-PR zingavalwa kude kubanjwe ulonyulo. Ukusukela ngoEpreli kulo nyaka ukuya kuOkthobha sekuvalwe izikhewu zamakhansela azi-PR eziyi-183. Ngonyaka ikomishinali ivala izikhewu zamakhansela azi-PR eziyi-377.” Uphinde wachaza ukuba baneziphakamiso abazozothula kwikomiti yesebe lezaseKhaya epalamente ingaphelanga le nyanga.
Esinye seziphakamiso sesokuba kuhlonyelwe umthetho wezolonyulo abazosenza kukuba kukhutshwe kuluhlu lwamaqela abhalisiweyo ukuba ayohluleka ukwazisa ikomishinala kuselithuba ukuba ayaqhubeka nokubhaliswa. USheburi udize ukuba bafumene ingxelo kwi-MDC (Municipal Demarcation Board) malunga nokucandwa ngokutsha kweewadi phambi kolonyulo. “Uluhlu lokugqibela leewadi luzopapashwa kumsitho ozoba kwinyanga ezayo.Oku kuzokwenza ukuba ikomishinali ikwazi ukuhlabela phambili namalungiselelo olonyulo ngendlela eyiyo. Kubalulekile ukuba abavoti bazijonge ukuba iinkcukacha zabo azitshintshanga xa iiwadi sezincitshisiwe,” kutsho uSheburi. Uthe oku kuncitshiswa kweewadi kungaba negalelo kubavoti abazofumanisa bephantsi kwezinye iiwadi bengekho kule bebekuyo ngaphambili.

