BusinessLocalNews

Imigodi izodala amathuba emisebenzi eMpuma Kapa

Intatheli: Monwabisi Khininda | Monti

U-Oscar Mabuyane oyiNkulumbuso yephondo leMpuma Kapa ethetha kwindibano yesithathu yeAnnual Eastern Cape Mining Indaba ebibanjelwe kwibala legalufa eMonti  ngomhla we-30-31 uthe ukukhula koshishino lwezimbiwa eMpuma Kapa kuvula amathuba ohlumo kuqoqosho nokudalwa kwamathuba emisebenzi.

UMabuyane uphawule ukwanda kokombiwa kwe-Koalin neLimestone kwisithili i-Joe Gqabi ukongeza kwiManganese nezinye izimbiwa ezinqabileyo esezifumaneke kwiKaroo Basin kunye nesanti nenkwari zelitye esele ziqhubeleka.

ā€œLamaphulo seledale imisebenzi ekuma-10,000 kwaye lamanani asenokonyuka ngokuhamba kwexesha.Sifuna ukuqinisekisa ukuba izimbiwa zixhamlisa uluntu ngokudala amathuba emisebenzi,ā€ kutsho uDiya.