Bane Cyber Lab ku Manzana eNgcobo
Yonela Mpaka
Isikolo samabanga aphezulu i-Manzana eNgcobo sithe sanikezwa i-Cyber Lab yinkampani yakwa Sita ibambisene noMasipala i-Dr AB Xuma. Isikolo esi saku Manzana sime ngqo ngaphakathi kwilali le. Sesona ebesipaselwe kakuhle kakhulu kwimviwo zebanga leshumi esizishiya ngasemva. Imbali eyenziwe sisikolo esi ayinakulibaleka kuba besisuka kwi pesenti ibisezantsi kakhulu kwabanye onyaka. Abafundi besikolo esi bazakuthi ngoku bakwazi ukufunda icomputer benze nezinye izinto.
Ongumfundi u Siyanda Gcanga nofunda kwisikolo esi uthi bayavuya bezokunikezwa le Cyber Lab kubo ithetha lukhulu kuba izobancedisa kwizinto zesikolo, uthi bebengavi kamandi xa besiva ezinye izikolo ukuba sele zinayo iLab bona babe bengenayo. Abakwa bathi badlulise le Lab befuna ukuphucula umgangatho wemfundo beqwalasele nendlela enonyusa kwakhona izinga libengaphezulu kokuba bekunjalo. UMalibongwe Tshaka nosuka kwa Sita uthi bafuna zonke indlela ezinonceda abafundi kuba imfundo yeyonanto bayikhuthazayo kakhulu, “Sifuna nesi isikolo sifane nezinye izikolo siyayazi amagumbi okufundela athi atshiswa kwiminyaka eyadlulayo kodwa lonto ayithi abantwana abanakubheka phambili, sizothi kubafundi bayiphathe kakuhle le Lab,“ utshilo uTshaka.
Isikolo esi sithe saphiwa nemithi ukuze sibenomtsalane sisekude. Oyinqununu kwisikolo esi u Phaphama Sondlo ebengawuvali umlomo luvuyo yile Lab ikwisikolo sakhe emva kweminyaka besokola. “Andikwazi nokuthula ngenxa yemincili novuyo kuba abantwana ngoku nabo bazakuthi bazifundele icomputer apha esikolweni bangaphumi baye kwezinye indawo, sithi kwabo basicingileyo esisikolo babona sifanelekile ukuba sibenayo i-Lab sabulela kakhulu, sithembisa ukuza nezona ziphumo zihle kunakuqala,“ utshilo uSondlo. Abazali umasipala iSebe lezeMfundo likuqhwabele izandla kakhulu oku.

