Abaqeqeshi abasakhulayo bayabhongozwa ukuba babhalisele uqeqesho lweCAF D licence couching course
Intatheli: Anele Raziya
Umbutho webhola ekhatywayo eGcuwa, iMnquma Local Football Association (Mnquma LFA) kunye neNozulu Youth Legacy Cup bakuphe isibhengezo esikhweba abaqeqeshi abasakhulayo ukuba babhalisele uqeqesho lweCAF D licence coaching course.
Oku kubhengezwe ngumseki weNozulu Youth Legacy Cup, Luxolo Matikinca kwiveki ephelileyo.
UMatikinca uthe ngomhla weshumi elinanye uyokuma ngomhla weshumi elinesibhozo kwinyanga ezayo (11-18 Disemba) bazakube bebambe uqeqesho lweCAF D licence kwaye lizakubanjelwa kwiYunivesithi iWalter Sisuli eGcuwa kwikhampasi eseBika.
Encokola neliphephandaba uqhube wathi wonke umqeqeshi onomdla wokuba yinxalenye yoluqeqesho wamkelekile.
“Injongo zokuba siququzelele ukusindleka iCAF D licence coaching course eMnquma, kungokuba sifuna uncedisa abaqeqeshi bethu ukuba baxhotyiswe ngolwazi olubalulekiyo lokuqeqesha abadlali,” kutsho oka Matikinca.
Enyinto athe lubaluleke ngayo uqeqesho kungokuba abaqeqeshi bazakufumana iilayisenisi zika CAF D zokuqeqesha xa bathe baqhuba kakuhle.
Umqeqeshi onqwenela ubayinxalenye yoluqeqesho kuthiwa angabhalisa ngemali engange R3000 kwaye amagosa aphezulu aphuma kwiSAFA neCAF engumbutho webhola i-Afrika iphela, kulindeleke ibengawo azakuqeqesha abaqeqeshi.
UMatikinca uthe bazakuthatha umlinganiselo wenani elithile labaqeqeshi abavulekileyo ukuba babeyinxalenye yalomsitho uzayo, kangangokuba uyakhutha abantu babhalise kwangoku bangalindi kuphele inyanga.
Uvalelise ngelithi iNozulu Youth Legacy Cup, Walter Sisulu University neMnquma LFA bayasebenzisa ukuqinisekisa ukuba iyaphuhla nangakumbi ibhola yaseMnquma.
Kwisizini ezidlulileyo umbutho webhola ekhatywayo weli, iSouth Africa, iSouth African Football Association (SAFA) iyibeke yacaca ukuba akukho namnye umntu ozakuvunyelwa aqeqesha engayo ilayisenisi yokwenza oko.
Kangangokuba kwiileague ezibalekayo kweli sele uqhuba lo mthetho mtsha weSAFA kwaye yilonto naseMnquma bemaxhamphetshu abaqeqeshi bezama iilayisenisi.
Kunyaka ophelileyo bekuqala ukusindlekwa uqeqesho lweCAF D licence coaching course eMnquma njengokuba sele liphinda libuya kwinyanga ezayo.


