CommunityLocalNews

Kwenziwe isivivane eCobosi eNgcobo

25 May 2023 – Yonela Mpaka

ENgcobo

Inkolo ka Ntu iphehlelele ngokusesikweni indawo ebizwa Isivivane phantsi kwegama lomfana owathi wasweleka uNdumiso Ngqisha. Esisivivane sizinze kwindawo yase Cobosi eNgcobo. Emva kokuba wathi wasweleka uMzondi oka Ngqisha nobekwinkolo ka Ntu ekhokhele abantu abatsha ukhunjulwe ngamalungu oku.

Ukwenziwa kwesiVivana kwindawo le kumvuyisile umama ka Ndumiso uthi uchukumisekile kuba uNdumiso wathi wadutyulwa emva koko akwabanjwa mntu ntoleyo athi nanamhlanje isambangela kubuye inkumbulo ngonyana wakhe. “Xa ndibona intsholo enje kushukuma wonke umntu nabasuka kwezinye indawo kuzohlanganiswa apha egameni lomntwana wa m ndiziva ndonwabile kakhulu kuba amaxesha amanintsi nokuba umntu ebesebenza kangakanani kodwa akusweleka kuyalityalwa ngaye, ndibulela kakhulu kubantu benkolo ka Ntu abacinge uba makenzelwe umzila umntwana wam,” utshilo uNandipha Ngqisha. Umfana omtsha uNgqisha  nowathi wahlaselwa kwikhaya lakhe wadutyulwa uchukumise abanintsi ngethuba bekuvulwa isivivane. UNdumiso ngumfana obezinikele kakhulu kwizinto zenkolo nobenesakhona sokwakha izindlu.

Utata uLoyiso Nqevu nokwiNkolo Ka Ntu uthi ukukhumbula imisebenzi ibisenziwa ngu Ngqisha kuyabavuselela kakhulu. “Siziva sonwabile xa lomsebenzi wesisivivane esizakuthi siphilise abantu abafuna ukuyozinqulela side sawenza, siyabongoza indawo le ingabiyindawo yokwenzela izinto ezimbi, sifuna noba usuka kweyiphi indawo isivivane sase Cobosi sikhona, sinongoze nabantu bendawo le ukuba bayigade lendawo, isivivane esi sisenze ehlathini kuba ngumthetho waso ukuba sibekwindawo enemithi, sibulela nosapho olusincedisileyo sawenza lomsebenzi ngaphandle kwamathandabuzo,” utshilo utata uNqevu. Ukuhlonitshwa kwamasiko nezithethe bakubeka phambili abenkolo ka Ntu.